Abambene ngeqanda eNelson Mandela Bay Stadium

IChippa United yahlulelene ngenqaku elinye macala neBloemfontein Celtic emva komdlalo we-Absa Premier Soccer League ophele ngo’0-0 eNelson Mandela Bay Stadium namhlanje.

Umdlalo khange utake ntlantsi njengoko abantu abaninzi bebelindele xa kudlala iChippa neCeltic.

Zimbini izinto ezenziwe ngala maqela: abadlali beChippa badlale ibhola yabo yesiqhelo yokunikelana ngebhola – kodwa abakwazanga ukufumana igowuli.

Kanti yona iCeltic ivale emva phantse wonke umdlalo – akothusanga oko ngoba bekucacile kwasekuqaleni ukuba izimisele ukumka ingabethwanga eBhayi.

Iindwendwe zinyanzele uDaniel Akpeyi ukuba asebenze ngomzuzu weshumi elinesine – yona iChippa ayikwazanga kwaphela kwisigaba sokuqala ukuvavanya unozinti weCeltic obengathi ngumtyeleli ebaleni.

Kuyiwe kwixesha lokuphumla kungekho nto ebhodini.

Isigaba sesibini sibenawo umehluko ngoba iifolosi zamaqela omabini zizamile ukuhlasela – kodwa ngelishwa lazo azikwazanga ukufumana amagowuli.

UMenzi Masuku ufaneluba usakhala nangoku emva kokuba ibhola yakhe iphume ecaleni kwepali kancinci ngomzuzu wokugqibela.

Unozinti weCeltic, uPatrick Tignyemb, ugxekiwe kakhulu emva kokulibaziza emdlalweni amatyeli aliqela.

Chippa United: 1 Akpeyi; 2 Okwuosa; 24 Thopola; 4 Van Heerden; 40 Kama; 34 Shiba; 21 Sangweni; 6 Sali; 5 Wambi; 3 Lorch; 26 Masuku.

Bloemfontein Celtic: 30 Tignyemb, 21 Sankara, 5 Letlabika, 27 Ndengane, 7 Lakay, 3 Dube, 14 Maruping, 19 Mxoyana, 11 Hotto, 18 Wanna, 14 Abdoul.