Sipho Shabangu: Kuhle ukubona iChippa idlalela apha ngoba ngoku kukho into yokusonwabisa ngempela veki.
Sifisi Mngcini: Ndiwuthandile umdlalo kakhulu.
Masixole Mathe: Idlala ngcono iChippa United kunangaphambili. Iyasonwabisa lo nto, siyayixhasa kwaye sohlala siyixhasa
Phiwe Qhaba: Sizobukela lo mdlalo namhlanje. Kubalulekile ukusondezwa kwale midlalo kuthi bantu bathe qelele ngoba iMonti iphakathi. Abantu ke bagcwele namhlanje ngoba sinomdla woyibona le midlalo…@Ngqamakhwe
Thandile Marhasha: Ukuza kweChippa apha eMonti kusincedile, siyayibulela kwaye sifuna kuze neminye imidlalo….@Mdantsane
Pinky Nazo: Sixolile ngokuziswa kweChippa United apha eMonti kwaye sonke sixhasa yona apha ebaleni….@Mdantsane
Thobela Ndawule: Ndiyayibulela into eyenziwe nguChippa yokuzisa imidlalo apha ngoba uzakufumana abantu abaninzi, nemidlalo ibingezi apha….@Gonubie
Mathapelo Radebe: Ndiphuma eGoli, ndize ngomsebenzi apha, ndivuyela umdlalo ngoba bekungekho nto yokwenza. Siyabulela kwabo bathe basizisela umdlalo…..@West Bank.
Sithandiwe Sikhosana: Ndivuya kakhulu kudlalelwa apha, nabantwana bethu bazakufumana imidlalo…..@Sunnyridge.
Thelela Mkhuba: Ndiyavuya iChippa isinikile ithuba ukuze sizokwazi ukuyixhasa singayi eBhayi oko….@Mdantsane
Thembekile “Congo” Makhabeni: Sibulela kakhulu kwiChippa, kudala abantu baseMonti beyifuna ibhola ukusukela oko kwemka iBush Bucks.
Abakhuthazeki nabantwana ezitalatweni ngoba akukho apho bajonga khona ukuze babenomnqweno wokudlala kwinqanaba eliphezulu….@Buffalo Flats
Bonge Ndamase: Siyavuya iChippa isinika imidlalo apha eMonti ngoba kunzima kuthi ukuya eBhayi, siyayichasa xa ilapha….@Southern Wood.
Thandile kaMakhaba: Sivuyela ufumana ithuba elinje, siyakwazi ukubona namaqela nabantu esibabona kwiTV. Isenze sanomdla ke lo nto yokuxhasa iqela lethu lalapha eMpuma Koloni…..@Quigney
Kwanele Silwana: Ndiyavuya eminye isiziswa apha, iChippa yeyethu sonke apha eMpuma Koloni. Ukuze ikhule kungcono xa isiziswa apha. Nangoku ndisuka eHanke andivi kabuhlungu xa ndikhupha imali yam ngoba ndiyenza lo nto kuba ndithanda ibhola ekhatywayo…..@Hanke
Madal’uhleka-naban Sponono Thubela: Ndiyo thulela umnqwazi iCHIPPA UNITED yenze into ebendingakhange ndaycinga, futhi ngendlela endibona ngayo indinika ithemba kuba ayibuyeli kwi First devision.
Bonga Bhedla Peter: Indincumisile iChippa United bebedlala ngokuzinikela abadlali namhlanje. Ngaske isoloko izodlalela eMonti phantse yonke imidlalo yasekhaya.
Ndiyayivuyela iJomo Cosmos ngokuqokelela amanqaku ama3 kwiqela elikhulu iOrlando Pirates ngaske iqhubeke nokuzimisela ukuze isinde ezembeni. #Ntlaza, Libode
Snazo Gugu Mbenya: Indlela endonwabe ngayo, well done Chippa United! Hayi ke andisathethi nothetha ngeDawana lam Alimanga Liyaqhuba Shapppaaaaa….
Yandisa Amatshetshengwane Booi: iChippa united isincumisile singabathandi bayo baseMpumakoloni abayixhasayo, ndiyathemba nakumdlalo olandelayo izoghubekeka nempumelelo yayo.
Umqeqeshi weSundowns uncoma uLucas Ribeiro owonzakalise iPirates