Umqeqeshi weqela
lesizwe lamantombazana aselula (Under-17 Women) oMzantsi Afrika, uSimphiwe
Dludlu, uzixolise ngelithi kuninzi okufundiweyo liqela lakhe kwindebe
yehlabathi. ABantwana bachiphize iinyembezi emva kokuvuthululwa yiBrazil
ngamagowuli amane kwelinye (4-1) kumdlalo weFifa Under-17 Women’s World Cup
ebanjelwe e-Uruguay. Kanti kwiveki ephelileyo, uMzantsi Afrika ungonjwe yiJapan
kakubi ngamagowuli amathandathu kwelinye (6-1) emdlalweni wesibini kwindebe
yehlabathi. Ukubethwa koMzantsi Afrika kuthetha ukuthi libuyela ekhaya
linenqaku elinye jwi elafumaneka kumdlalo owadlala kuwo ntanganye (0-0)
neMexico.
Nakubeni
iqela likaDludlu liye kwindebe yehlabathi linethemba lokuya kumjikelo
olandelayo – kodwa kuye kwabonakala ukuba umgangatho walo usephantsi. Umqeqeshi
uthi nangona iqela lakhe libethiwe kwindebe yehlabathi – kodwa libuyela ekhaya
kukho into eliyifundileyo. “Sizile, sabona saphinda safunda e-Uruguay.
Namhlanje sidlale kakuhle kakhulu noxa soyiwe emdlalweni. Ikhadi elibomvu
esilifumeneyo libenayo indawo yokusichana ngoba kuye kwanyanzeleka ukuba
sidlale singaphelelanga. Ndiyafuna ukuthi abadlali bawafumene amava,” utshilo
uDludlu.
ElezoThutho lithi liyaxhalabisa inani elonyukileyo lokubhubha kwabantu ePhondweni!