ABanyana Banyana ziintshatsheli zeCOSAFA CUP 2019

South Africa celebrates being Crowned Champions during the 2019 COSAFA Women Championship Final match between Zambia and South Africa on the 11 August 2019 at Wolfson Stadium, Port Elizabeth Pic Sydney Mahlangu/ BackpagePix

Iintokazi
zelizwe loMzantsi Afrika, aBanyana Banyana, ziintshatsheli zeCOSAFA Cup ityeli
lesithathu elandelelana emva kokubetha iZambia ngegowuli elinye eqandeni (1-0)
emdlalweni obumhle kakhulu eWolfson Stadium ngale njikalanga yanamhlanje. Eli
lityeli lesibini aBanyana Banyana bephumelela indebe yeCOSAFA kwibala laseBhayi
phantsi kwesandla sikaDesiree Ellis engumqeqeshi. Ifumene inkxaso enqabileyo
iBanyana Banyana kubalandeli bebhola ekhatywayo eBhayi – into abangafane
bayifumane kwezinye iindawo. Nabo abalandeli bebegoduka bexolise emidlalweni
yonke yoMzantsi Afrika ngoba uqhuba kakuhle kakhulu futhi ufaka namagowuli. Igowuli
ophumelele ngalo uMzantsi Afrika lifakwe nguTiisetso Makhubela emzuzwini
wamashumi amabini anesibini kwisiqingatha sokuqala somdlalo.

Lithe gqi
igowuli loMzantsi Afrika emva kweebhola ezintle ezidlalwe ngabadlali bakaDesiree
Ellis esiswini. Iintokazi zoMzantsi beziyibeka phantsi kakuhle ibhola futhi zikwazi
ukuya phambili kakuhle – kodwa nayo iZambia ibingayekelelanga noxa ingakwazanga
ukwenza nto ebonakalayo emdlalweni wanamhlanje. Kuyiwe kwixesha lokuphumla
aBanyana Banyana benegowuli elinye emva kokuba lingabalwanga elinye
abalifakileyo. UKapteni waBanyana, uRefiloe Jane noMamello Makhabane,
abakwazanga ukuwasebenzisa amathuba abawafumeneyo ekuzeni kuphela komdlalo. Nangona
kunjalo, uphakamise indebe uMzantsi Afrika kwitumente yeCOSAFA owenze imbali
kuyo ngokuphumelela ngamagowuli alishumi elinesixhenxe emdlalweni owabetha kuwo
iComoros.