ABanyana Banyana babuyela ekhaya imisile iphezulu emva kokubetha iSenegal

Iqela lesizwe lamanenekazi adlala ibhola ekhatywayo libuyela ekhaya kumnandi emva kokudlala kakuhle kutyelelo obelusemantla wezwekazi le’Afrika. ABanyana Banyana babambene neSenegal ngegowuli elinye macala emdlalweni wobuhlobo obuseStade Lat Dior ngomhla wokuqala kule nyanga yeSilimela.

UNthabiseng Majiya nguye oncede aBanyana Banayana ngegowuli emdlalweni wokuqala – kodwa ngelishwa, iSenegal iye yafumana igowuli ngepenela efakwe ngomzuzu wokugqibela.

Ngoba uMzantsi Afrika ulungiselela iWafcon noxa ingekacaci ukuba iza kuba nini kulo nyaka, uDesiree Ellis uye wanyanzeleka ukuba enze iinguqu phambi komdlalo wesibini. Kubalulekile ukunika abadlali bonke amathuba okudlala ukuze akwazi ukukhetha abadlali abanokunceda iqela lakhe limelane namanye amazwe.

Phambi komdlalo wesibini obuyizolo, umqeqeshi wenze iinguqu ezintlanu zonke kwiqela eliqale umdlalo. Abo badlali nguLonathemba Mhlongo, uNicole Michael, uNonhlanhla Mthandi, Asanda Hadebe noKholosa Biyana.

Ngethamsanqa, aBanyana Banyana badlale umdlalo obhetele kakhulu kunowokuqala obungoMgqibelo odlulileyo. Baphumelele ngamagowuli amabini bebetha iSenegal emdlalweni obungorhatya ngoLwesibini izolo (Lwesibini).

Amagowuli afakwe kwisigaba sokuqala omabini. Emzuzwini weshumi elinesithathu, uAmogelang Motau ubeke uMzantsi Afrika endaweni entle ngegowuli lokuqala. Isikhonkwane esingcwabe iSenegal sibethelelwe nguNoxolo Cesane phambi kokuya kwixesha lokuphumla.

Emva komdlalo, uDesiree Ellis uvakalise uchulumanco watsho ebancoma abadlali bakhe. “Senze iinguqu emdlalweni wesibini kuba sifuna ukunika abanye abadlali ithuba lokudlala. Siyabathemba abadlali bethu. Indlela ebesicwangcise ngayo badlale ngayo abadlali,” utshilo uEllis.

Ngoba umdlalo ubulawulwa nguMzantsi Afrika, umqeqeshi ucinga ukuba bekufanele ufake amagowuli angapezulu kwamabini. “Sidlale umdlalo omhle kakhulu namhlanje emva kokuphoxeka kowokuqala,” utshilo uEllis.