Namhlanje aBanyana Banyana kulindeleke bathathe apho bayeke khona xa besamkela ilizwe lasebumelwaneni, iBotswana, kumdlalo wesibini ozakube useMakhulong Stadium ngentsimbi yesixhenxe ngokuhlwa.
Isiqalo seqela lesizwe lamantombaza elizwe loMzantsi Afrika adlala ibhola ekhatywayo sibe sihle kakhulu. ABanyana Banyana bazibethele iBotswana ngamagowuli amabini kwinto engekhoyo [2-0] eLobatse Sports Complex ngempelaveki edlulileyo kumdlalo wokuzibekela indawo kwi-2016 Africa Women’s Cup of Nations ezakube isingethwe yiCameroon.
Phambi kwalo mdlalo, uMzantsi Afrika bekulindelekile ukuba uphumelele ngaphandle kobunzima nanjonoko beliqhele ukwenza, kodwa kweli ityeli izinto khange zibe khaphu khaphu njengesiqhelo. Iqela likaVera Pauw lothuswe ngumgangatho ophakamileyo nokuzimisela kweBotswana, phofu ngaphandle kwamathandabuzo nayo ibifuna ukuncumisa abalandeli bayo.
Omabini amagowuli eBanyana Banyana afumaneke ngenxa yomsebenzi omhle owenziwe nguMollo ovalele emnatheni elokuqala ngomzuzu wamashumi amathandathu anethoba, waphinda wafaka elinye kwimizuzu emine emva koko.
Isiqingatha sokuqala siphele umdlalo ulawulwa yiBotswana, kodwa kwesesibini uMzantsi Afrika ubuye unamandla emva kokungena kwabadlali abafana noShiwe Nogwanya noLinda Motlhalo.
Njengokuba iSAFA inesicwangcwiso sika’2022 esibethelela ukubaluleka kokubandakanyeka kwamaqela esizwe kwiitumente ezinkulu zehlabathi, iBanyana Banyana kunyanzekile ke ngoko izame ukuqinisekisa ukuba iyafikelela kule midlalo. Kulo mdlalo unamhlanje okuseleyo kwiqela loMzantsi Afrika kukuqinisekisa ukuba likhusela amanqaku amathathu eliwafumene eBotswana, liphinde lilungiselele umdlalo olandelayo ukuba izinto zihamba kakuhle.
Umqeqeshi weSundowns uncoma uLucas Ribeiro owonzakalise iPirates