ABanyana Banyana baquthise iNigeria kowayo baphumelela iBuhari Cup!

Iintshatsheli zeBuhari Cup.

UDesiree Ellis ubulele wonke umntu oncedisileyo emva kokuba aBanyana Banyana bevuthulule iNigeria ngo’4-2 emdlalweni we-Aisha Buhari Cup obuseJohnson Arena Stadium, eLagos. ABanyana Banyana ziintshatsheli zetumente zeBuhari Cup emva kokuquthisa amazwe aziwayo ebholeni afaana neGhana neNigeria ngokulandelela. Amagowuli abaphumelele ngawo aBanyana Banyana afakwe ngu-Alozie Chidi owenze impazamo, uLinda Mothlalo ngepenela, uGabriel Salgado noMamello Makhabane emva kokulawula umdlalo ukusukela ekuqaleni kwawo. Iintombi zoMzantsi Afrika bezibuyisa isixhiba emva kokubethwa ngamapenela yiNigeria emdlalweni we-Afcon owaphela iliqanda macala.

Umqeqeshi waBanyana Banyana ubancomile abadlali bakhe emva komdlalo kodwa wavuma ukuba bezikhona iimpazamo emdlalweni. “Umdlalo ubulawulwa sithi ubukhulu becala,” utshilo uEllis emva komdlalo. “Kudlalwe ngendlela ebesifuna ngayo ngoba isantya besixhomekeke kuthi. Into ebembi kukuba besisenza iimpazamo kwiindawo ezimbi ebaleni. Kodwa ndiyancoma ngoba sikwazile ukumelana nezinto ezenzeke ebaleni kakuhle. Abadlali bethu babonakalise ukuzithemba emdlalweni. Kuphantse kwasiphoxa ukufakwa kwamagowuli amabini kuthi kwisiqingatha sesibini,” utshilo uEllis. Abadlali kufuneka bazimisele ukusukela ngoku ngoba onke amaqela aza kuza kubo ezimisele kakhulu.

“Impumelelo ayisiyoyethu sodwa apha eNigeria. Wonke umntu obenegalelo kufuneka kufuneka banconywe. Sithethile singabaqeqeshi ngethuba sisenza amalungiselelo sathi iqela kufuneka liwunyuse umgangatho. Besifuna ukuvavanywa ngamaqela amakhulu – kodwa emva kokuphumelela, kufuneka sihlale siqhuba kakuhle emidlalweni yethu ukuya phambili. Kudala igqugqisa iNigeria kwaye iza kuphinda iwafumane amandla wayo ethubeni. Leyo into akufuneki siyilibale. Siyabhiyoza namhlanje – kodwa ngomso kufuneka silungiselele iCosafa Cup. Siza kusebenzisa izinto esizifunde apha emidlalweni yeCosafa Cup,” uvale ngaloo mazwi uEllis.