ABanyana Banyana basekhondweni elihle lokuya ePeris kunyaka ozayo

Iqela lesizwe lamantombazana adlala ibhola ekhatywayo lisekhondweni elihle lokuya eParis – apho kuza kubanjelwa khona imidlalo ye-Olimpiki kunyaka ozayo. Amagowuli amabini afakwe nguThembi Kgatlana ngawo ancede aBanyana Banyana ababethe iDemocratic Republic of Congo emdlalweni obubanjelwe e’Orlando Stadium ekuqaleni kwale veki. UMzantsi Afrika ubunyanzelekile uphumelele ukuze kucace indlela yawo emva kokuba ubambene ngegowuli elinye macala neDemocratic Republic of Congo kwiveki ephelileyo.

Bekunzima emdlalweni kakhulu, abadlali beDRC badlalele ukuphumelela zisuka ngoba bebesazi ukuba kufuneka amanqaku amathathu emva kokuba uMzantsi Afrika ufumene igowuli emdlalweni wokuqala. Kuyiwe kwixesha lokuphumla kungekho nto ebhodini. Lo nto imnyanzele uDesiree Ellis ukuba aqwebe amaqhinga amatsha ukuze liphumelele umdlalo ohlakulela imidlalo ye-Olimpiki ekunyaka ozayo.

UFake umdlali wasesiswini, uKholosa Biyana, kwisigaba sesibini kwatsho kwakho umahluko obonakalayo emdlalweni waBanyana Banyana. “Kusisebenzele ukufaka kwethu yBiyana kwisiqingatha sesibini somdlalo,” utshilo uEllis emva komdlalo. Amanenekazi oMzantsi Afrika alwe kwakukho ekhuthazwa ngaMabhokobhoko aphumelele iNdebe yeHlabathi yombhoxo emdlalweni obuseParis, eFrance, kwimpelaveki egqithileyo. “Khange siqale kakuhle kwisigaba sokuqala ngoba khange sikwazi nokufumana ithuba elaneleyo lokuzilolonga.

“Unozinti wethu, uAndile Dlamini, uvale iibhola ezimbi komelela nethemba lokuphumelela umdlalo. Bekufanele ukuba kuyiwe ekhefini sinalo igowuli ebhodini – kodwa okubalulekileyo kukuba siphumelele ekugqibeleni. Ukungasebenzisi amathuba phambi kweepali yingxaki efuna siyinike ingqwalasela. Nakubeni kunjalo, ndiyazingca ngokwenziwe liqela lonke. Sinabadlali abatsha abadlale emva ngoba abadlali bethu khange bafumaneke,” utshilo uEllis emva komdlalo. ABanyana Banyana baza kudinaba neTanzania okanye iBotswana emdlalweni olandelayo.