ABanyana Banyana baya edabini ngokukhulu ukuzimisela

Nothando Vilakazi of South Africa challenges Alexia Putellas of Spain during the 2019 FIFA Womens World Cup match between Spain and South Africa on the 08 June 2019 at Stade Oceane Le Havre, France Pic Sydney Mahlangu/ BackpagePix

Namhlanje ebusuku, kunyanzelekile ukuba badlalele ukuzophula aBanyana Banyana ngoba ukuba abaphumelelanga baza kubuyela ekhaya.

Iqela lesizwe loMzantsi Afrika liza kudibana neChina emdlalweni wesibini wendebe yehlabathi yamantombazana kwibala ekuthiwa yiParc des Princes kwisixeko sasePeris, eFrance, ngentsimbi yethoba ebusuku namhlanje.

UMzantsi Afrika uyophisa emva kokubethwa emdlalweni wokuqala siSpain ngo’3-1 emdlalweni obunalo ithuba lokothusa ihlabathi ukuba bekungazange kubekho ungenelelo leVAR kwiveki ephelileyo eStade Oceane.

UThembi Kgatlana uzenzele imbali ngokuba ngumdlali wokuqala ofake igowuli loMzantsi Afrika kwindebe yehlabathi yamanenekazi kodwa iimpazamo ezenziwa ngoogxa bakhe zanceda iSpain eyazuza amapenela amabini kwisigaba sesibini somdlalo.

UKapteni, uJanine van Wyke, uthi amanzi achithekileyo akanakubuthwa, into ebalulekileyo ngoku kukulwela indawo kumjikelo olandelayo.

Lo nto inokwenzeka kuphela ukuba iBanyana ingakwazi ukubetha iChina esengxakini nayo emva kokubethwa ngo’1-0 yiGermany emdlalweni wokuqala.

Amajoni kaDesiree Ellis aya edabini elinzima kakhulu namhlanje ngoba iChina lelinye lamazwe amakhulu kwibhola ekhatywayo yamantombazana.

Ukuba abadlali bangazimisela bacuthe neempazamo ngokufanayo nendlela abadlale ngayo isiqingatha sokuqala eStade Oceane kwiveki ephelileyo into abayifunayo ingenzeka.

“Xa sidibana neChina, sakube sidlalela ukufa okanye ukuphila. Ngumdlalo obaluleke kakhulu kuthi. Emdlalweni ogqithileyo, sisidlale kakuhle isiqingatha sokuqala kodwa kuye kwanzima kwesesibini. Iza kulwa nayo iChina emva kokubethwa yiGermany. Siza kusebenzisa indlela efanayo neyomdlalo ogqithileyo kodwa ke ndiyathemba ukuba iya kusisebenzela,” utshilo uVan Wyke.

UMzantsi uza kudlala ngaphandle kukaNothando Vilakazi emva kokufumana ikhadi elibomvu ngenxa yeVAR kodwa uVan Wyke uthi iqela alingeke liphazanyiswe yinto engasoze iguquke.

“Ukuba isigqibo seVAR sasinceda thina, besiza kuyincoma. Asikwazi ukuyicaphukela ke kuba ibethe thina,” uvale ngalo mazwi uVan Wyke.