ABanyana Banyana baya kwiWafcon emva kokuwisa iBurkina Faso!

Banyana Banyana.

Balele bencumile abalandeli bebhola ekhatywayo izolo emva kokuba iqela lesizwe lamanenekazi lizibeke indawo kwiCAF Women’s Africa Cup of Nations ezayo. ABanyana Banyana bazicacisile ukuba baziintshatsheli zokwenene ngokubetha iBurkina Faso ngamagowuli amabini eqandeni emdlalweni obubanjelwe eLucas Moripe Stadium emalanga izolo.

Nangona iBurkina Faso ize eMzantsi Afrika inethemba emva komdlalo weveki ephelileyo ophele amazwe omabini ebambene ngegowuli elinye macala – kodwa ayikwazanga ukuxhathisa.

Ukuphumelela kwawo uMzantsi Afrika ngo’3-1 emidlalweni emibini xa idityanisiwe kuthetha ukuthi uza kufumana ithuba lokukhusela indebe yeWafcon owayiphumelela emva kokubetha iMorocco ngamagowuli amabini kwelinye kunyaka ophelileyo kwinyanga yeKhala.

Noxa isiqingatha sokuqala somdlalo siphele kungekho qela elikwazileyo ukubhalisa ebhodini – kodwa izinto ziguqukile kwisigaba sesibini. UMzantsi Afrika ubhakuzelise umnatha ngebhola kaMotlhalo emzuzwini wamashumi amahlanu anesithandathu.

Elesibini ulifumene kushiyeke imizuzu emine kuphele umdlalo. Emva komdlalo, uDesiree Ellis uzamkele ngovuyo iziphumo ezifunyenwe liqela lakhe – kodwa kwangaxeshanye, waphawula ngeendawo ezimkhwinisileyo. “Ndicinga ukuba asidlalanga ngendlela ebesiyifuna kwisigaba sokuqala.

“Umdlalo wethu ubungadibani. Lo nto inike iBurkina Faso ithuba lokuhlasela. Usincedile uKayline Swart ovale ibhola embi ngoba sifumene ithuba lokuhlala emdlalweni. Sithethile nabadlali ngexesha lokuphumla.

Sithe kubo mababe nomonde – kodwa bazame ukudlala ibhola ebalekayo,” utshilo uEllis. Ekugqibeleni, iBurkina Faso iye yavula emva. “Kuye kwavuleka emva kokuba sibaxelele abadlali ukuba mabangayeki ukuzama ukufumana igowuli.

“Sithethile ngokucutha iimpazamo – kodwa besisazi ukuba umdlalo uphelile emva kokuba sifumene amagowuli amabini. Sibulela ukulwa kwabadlali abazibeke indawo kwiWafcon,” uvale ngaloo mazwi uEllis. UJanine Van Wyk, odlalele aBanyana Banyana kayi185, ubeke phantsi izolo.