ABanyana Banyana bazimisele ukuyinyathela iZimbabwe eyingozi

Noxolo Cesane of South Africa celebrates goal with teammates during the 2019 COSAFA Women Championship match between South Africa and Malawi on the 02 August 2019 at Wolfson Stadium, Port Elizabeth Pic Sydney Mahlangu/ BackpagePix

UMzantsi
Afrika uzimisele ukuyikhusela indebe yeCosafa Women’s Championship
owayiphumelela kunyaka ophelileyo. Kodwa nangona kunjalo, indlela yawo kufuneka
igqithe kwiZimbabwe eyingozi emdlalweni ophambi kwamagqibelakankqoyi ozakube
ungentsimbi yesithathu emalanga namhlanje, eWolfson Stadium. Abadlali beqela
lesizwe lamantombazana (aBanyana Banyana) kulindeleke lidlule kwiZimbabwe emva
kokufumana inkutho enkulu emidlalweni yalo kwiCosafa. Ukuza kuthi ga kwesi
isigaba, aBanyana Banyana baqala bavuthulula iComoros ngemvula yamagowuli
alishumi elinesixhenxe eqandeni (17-0). Emva koko balandelise ngeMalawi abayibetha
ngamagowuli amathathu kwelinye (3-1) – phambi kokubethwa iMadagasca ngamagowuli
amathathu eqandeni (3-0) ngoMvulo wale iveki.

Image may contain: 1 person, smiling, text

Umdlalo
wona ngeke ube lula ngoba nayo iZimbabwe iqhube kakuhle kakhulu emidlalweni yayo
kwaye iyakwazi ukufaka amagowuli. Into abanokuqiniseka ngayo abalandeli bebhola
kukuba umdlalo wanamhlanje uza kuba namagowuli ngoba omabini amazwe (SA vs Zimbabwe) akonwabele
ukufaka amagowuli kwitumente yalo nyaka ebanjelwe kwisixeko saseBhayi kwakhona.
Omnye wabadlali abathe bafinca ikhulu lemidlalo (100) abayidlalele iqela
lesizwe nguMamello Makhabane. “Sisoloko silangazelela ukudlala umdlalo ongcono.
Ukuphumelela kwethu imidlalo emithathu kule tumente yinto esikhuthazayo kakhulu
emva kokungaqhubi kakuhle kwiNdebe yeHlabathi. Siza kuvavanywa yiZimbabwe ngoba
akululanga ukudlala nayo. Kunyanzelekile sidlale ngokuzimisela okukhula xa
sidlala nayo,” utshilo uMakhabane emva komdlalo ngoMvulo.

Omnye umdlalo
oza kukhupha elinye iqela eliza kuya emdlalweni wokugqibela uphakathi kweZambia
neBotswana. Amazwe aza kulwela indawo yesithathu kwiCosafa aza kudibana
ngoMgqibelo ngentsimbi yesithathu emalanga. Emalanga ngeCawe, kuza kuvalwa itumente
ngomdlalo wokugqibela.