ABanyana Banyana benze ezibukwayo kwakhona kwiCosafa Cup!

Refiloe Jane of South Africa is challenged by Viola Namuddu of Uganda during COSAFA Womens Championship match between South Africa and Uganda on the 20 September 2018 at Wolfson Stadium , Port Elizabeth / Pic Sydney Mahlangu/BackpagePix

Iqela lesizwe
lamanenekazi oMzantsi Afrika adlala ibhola ekhatywayo lenze umtsi obalulekileyo
namhlanje emalanga xeshikweni liphumelela omnye umdlalo. ABanyana Banyana
babethe ilizwe lase-Uganda ngamagowuli amabini eqandeni (2-0) kumdlalo weCosafa
ophambi kowokugqibela obubanjelwe eWolfson Stadium, eBhayi. Amagowuli woMzantsi
Afrika afakwe sisiququ, uLinda Motlhalo, ofake isithathu samagowuli kumdlalo
obuphambi kowanamhlanje. Elesibini lifakwe nguSeoposenwe emva kokufumana ibhola
entle kuMotlhalo. Ukuze iqela likaDesiree Ellis lifikelele kumjikelo
wokugqibela weCosafa emva kokubetha iBotswana ngo’1-0, iMadagasca ngo2-1
neMalawi ngo’6-0 ekuqaleni kwale veki.

Ngoku uMzantsi
Afrika uza kudibana nelizwe laseCameroon kumdlalo wamagqibela kankqoyi ozakube
usemalanga ngoMgqibelo ngentsimbi yeshumi elinesibini emini-maqanda. Yona
iCameroon izibethele ilizwe laseZambia, ebelibonwa njengelinye lamazwe
aphambili kwiCosafa, ngo’1-0 kumdlalo obuseWolfson Stadium namhlanje. ABanyana Banyana
bazakube bekhusela indebe yeCosafa okokuqala emva kokuyiphumelela kunyaka
ophelileyo. Inkqubela eyenziwe nguMzantsi Afrika izindaba ezimnandi kuDesiree
Ellis owakha iqela elizakuthi likhuphisane namazwe amakhulu kwibhola ekhatywayo
yamanenekazi kwihlabathi.