ABanyana baya kwitumente ye-Afrika

Umqeqeshi obambeleyo weBanyana Banyana, uDesiree Ellis, ubhengeze amagama wabadlali abazakuthi bamele ilizwe kwiWomen’s Africa Cup of Nations ezakube iseCameroon.

Kweli qela lisingise emantla ezwekazi le Afrika – ubuninzi babadlali abakulo ngabo bathathe inxaxheba kwimidlalo ye-Olimpiki ebibanjelwe eRio de Janeiro, eBrazil, kwiinyanga ezimbalwa ezidlulileyo.

“Ndiqinisekile ukuba eli qela lakuthi liwumele ngokukuko uMzantsi Afrika emva kokuqokelela amava kwi-Olimpiki. Xa ingenayo ingxaki, akukho sizathi sakuyilungisa,” utshilo * -Ellis.

Iqela:

Oozinti: Andile Dlamini, Yolula Tsawe , Roxanne Barker

Abadlali basemva: Leandra Smeda, Nothando Vilakazi, Janine van Wyk (K), Noko Matlou, Astria Boks, Bambanani Mbane, Lebogang Mabatle, Nomathemba Ntsibande

Esiswini: Mamello Makhabane, Amogelang Motau, Refiloe Jane , Nompumelelo Nyandeni, Silindile Ngubane, Linda Motlhalo

Iifolosi: Shiwe Nogwanya, Andisiwe Mgcoyi, Jermaine Seoposenwe, Thembi Kgatlana