Abaphathi beCape Town Spurs basamxahsa okwangoku

Kwiisizini egqithileyo, bekuba sekuthethwa ngabaqeqeshi abagxothiweyo ngeli xesha – kodwa kusathe cwaka kule isizini. Amaqela afana neCape Town Spurs, AmaZulu neRichards Bay akaqhubanga kakuhle emidlalweni emihlanu yokuqala. Kubi kakhulu kwiSpurs ngoba asikafumani nto emidlalweni emine yeDStv Premiership. Nangona kunjalo, abaphathi beSpurs bazigalele amanzi iingxelo ezijikelezayo ezithi bakhangela umqeqeshi oza kungena endaweni kaShaun Bartlett. Ukusukela oko kuqale isizini, iCape Town Spurs ibethwe kuyo yonke imidlalo eminye eyidlalileyo kwisizini entsha emva kokunyusela kwaMotsepe Foundation Championship.

“Nangona iziphumo zemidlalo esiyidlalileyo isidanisile – kodwa uShaun Bartlett uxhaswa ngokupheleleyo ngabaphathi beqela,” itshilo ingxelo ekhutshwe yiCape Town Spurs ezintsukwini ezigqithileyo. Kukho iingxelo ezijikeleza kumajelo eendaba ezithi iSpurs sibona uMuhsin Ertugral njengoyena mqeqeshi ongathatha indawo kaBartlett oncede iqela ukuze linyukele kwiDStv Premiership. “Sifuna ukucela abantu ukuba bahloniphe uShaun Bartlett ngoba usenesivumelwano neqela. Abantu mabohlukanye mabohlukane nokuthetha izinto ezingekhoyo,” itshilo ingxelo ekhutshiweyo. Emdlalweni wokugqibela, iCape Town Spurs ibethwe yiChippa United ebiqala nayo ukuphumelela kwiveki ephelileyo.

Idlala kakuhle yona iCape Town Spurs, ingxaki yayo enkulu kukungakwazi ukufaka amagowuli emidlalweni. Ukonzakala kwefolosi yeSpurs, uBoitumelo Radiopane, kwenza izinto nzima kakhulu kwiqela laseKapa. Kwiiveki ezidlulileyo, uBartlett utshilo ukuba ukhangela ifolosi enamava enokunceda iqela. Ukuthethe oku emva kokuba iqela lakhe libethwe yiPolokwane City ngo’3-1. Phambi komdlalo ophakathi kweSpurs neSwallows kule veki, uBartlett uthe uyathemba ukuba abantu abazukunyusa amaphaphu ngoba lo nto ayizukunceda nto. Abanye abaqeqeshi abajingelwa lizembe nguPablo Martin oqeqesha AmaZulu noKaitano Tembo oqeqesha iRichards Bay.