Abaqeqeshi bamaqela basiqhwabele izandla isiqendu sokuqala seHome of Legends Cup. Le tumente ebinamaqela amane iphehlelelwe kwinyanga ephelileyo ngumasipala ombaxa, iNelson Mandela Bay Metro. Emva kwemidlalo emithathu, iKaizer Chiefs igoduke nendebe ekhatshwe sisigidi esinesiqingatha seerandi (R1,5-million) emva kokubetha iMamelodi Sundowns ngo’5-4 kwiipenela eNelson Mandela Bay Stadium.
Emidlalweni yokuqala, iChiefs ibethe iGolden Arrows ngo’2-0, yona iSundowns yoyise iChippa kwiipenela emva komdlalo ophele ngo’1-1. Nakubeni imidlalo iqhutywe kakuhle – kodwa ukungabikho kakuhle kwabalandeli kwitumente enamaqela amakhulu kuyishiye inebala elibi. Enye into ekuthethwa ngayo ngabantu yindebe engaqhelekanga eyenziwe ngomthi abathi noko ngekwenziwe engcono kunayo.
Umqeqeshi weChippa, uKwanele Kopo, uyincomile itumente ngoba udlalise abadlali abasakhulayo. “Abaququzeleli betumente bazibonele nabo into ekufanele bayenze ngcono kwilixa elizayo,” utshilo emva komdlalo wesibini. Akafunanga ukugxeka umsebenzi owenziwe ngabaququzeleli, endaweni yoko umemelele ukusebenzisana kwabantu bonke bephondo kunyaka ozayo.
“Ibikokokuqala – kodwa sifundile sonke kokwenzekileyo. Ndicinga ukuba nathi singamaqela athathe inxaxheba ngesiye sancedisa ngendlela ethile ekuyipapasheni itumente. Ukudlalela ebaleni eligcweleyo, ukusukela emdlalweni wokuqala ukuya kowokugqibela, ngekwenze umahluko omkhulu ephondweni lethu,” utshilo uKopo.
“Siyalibulela ithuba elinje siyiChippa United. Sinethemba lokuba singabona iitumente ezinje ngale kweli phondo. Abantu bafumana ithuba lokubona abadlali abazalelwe apha eMpuma Koloni kwezi tumente. Kodwa ibingazukudubula isaqala ngoba zininzi izinto ezifuna ukuqwalaselwa.
“Sonke masizibuze ukuba singayiphucula njani kunyaka ozayo. Nditsho kuthi sonke singabantu baseMpuma Koloni,” utshilo uKopo. Umqeqeshi weSundowns, uManqoba Mngqithi, uyincomile itumente njengokuba iqela lakhe liza kudibana neMagesi FC emdlalweni weCarling Cup ngempelaveki.
“Itumente ibimnandi kakhulu ngoba isinike ithuba elihle lokuvavanya abadlali bethu. Sibulela imidlalo esemgangathweni ophezulu esiyinikwe yiChippa neChiefs. Bonke abadlali bethu bafumene amava kule tumente, ngakumbi abadlali abasakhulayo,” utshilo uManqoba.
Emva kuphumelela, uCedric Kaze, waleke umsundulo ngelithi itumente ibintle. “Ndifuna ukuvuyisana nabaququzeleli betumente kuqala. Ibintle futhi idibanise amaqela amane adlale kakuhle. Umdlalo usinike ithuba lokudlalisa bonke abadlali. Ibiyimine entle kuthi ngoba sivale usuku sinendebe.
Kubanjwe abarhanelwa abangama84 kwisithili saseSarah Baartman