UMzantsi Afrika uzibonakalisile kwakhona ukuba uziingangalala emdlalweni womnyazi. Oku kucace emva kokuba amadoda namanenekazi ethathe iindebe kwitumente ekuthiwa yiAfrica Netball Cup ebibanjelwe eNamibia kwiveki ephelileyo. Emdlalweni wokugqibela iSpar Proteas iguqise phantsi i-Uganda ngo’65-50 eMTC Dome.
Xa kudibene la mazwe mabini, kusoloko kuqhum’ uthuli emdlalweni ngoba alikho elifuna ukubethwa. Nakubeni kuye kwanzima emdlalweni – kodwa iintokazi zoMzantsi Afrika ziyiwise zatsho zathi qhiwu phezulu indebe yegolide. Emva komdlalo umqeqeshi weSpar Proteas khange awuvale umlomo ngenxa yemincili. Uthe uyaziqhenya ngomsebenzi omhle owenziwe ngabadlali bakhe kwiAfrica Netball Cup.
“Abadlali basenze saziqhenya namhlanje, utshilo uJenny Van Dyk emva komdlalo kutshanje. Le yimpumelelo yakhe yokuqala emva kokuba enikwe uxanduva lokuqeqesha iqela lesizwe. “Ndonwabe kakhulu njengomqeqeshi. Abadlali basenze saziqhenya emva kokuba bethwaliswe isithsaba – kanye le nto ebesifuna yenzeke phambi kwetumente,” utshilo umqeqeshi.
Emva kwakhe, isekelamqeqeshi, laleke umsundulo ngelitho iqela lesizwe lamanenekazi lisuse umqobo omkhulu phambi kwalo. “Siye kwiAfrican Netball Cup sisazi ukuba siza kuba phantsi koxinizelelo emva kokungaqhubi kakuhle kweqela kwitumente yehlabathi ebilapha eMzantsi Afrika.
“Besisazi ukuba siza kudlala siphantsi koxinizelelo emva kokungaqhubi kakuhle kwethu kwitumente yehlabathi esasidlale ne-Uganda kuyo. Bekunyanzelekile sidlule kuyo ngoba besifuna ukubonisa abantu ukuba siseliqela eliphezulu. Ndiyazingca ngendlela abadlali abasebenze ngayo kule tumente,” utshilo uZanele Mdodana emva kwetumente.
Kwelinye icala, amadoda oMzantsi Afrika adlala umnyazi adlule kwiSwatini ngo’60-39 ukuze aphakamise indebe yeAfrica Netball Cup. UKapteni weqela, uSicelo Gamede, uvumile ukuba impumelelo bayifumene nzima kakhulu. “Bekunzima – kodwa sikwazile ukuphumelela ekugqibeleni.
“Into esincedileyo kukuba siwabukele onke amaqela esidlale nawo satsho safunda nendlela adlala ngayo. Sonwabile ngoba sikwazile ukuphumelela indebe,” utshilo uGamede. UMongameli weNetball SA, uCecilia Molokwane, ukuchaze ukuphumelela koMzantsi Afrika njengenkqubela eza kukhuthaza abadlali bomnyazi abasakhulayo.
iSundowns ingombe iSibanye emdlalweni obutaka iintlantsi eLoftus Stadium!