Abaqeqeshi beBoks basacinga ngeRugby Championship

URassie Erasmus noJacques Nienaber basadla amathambengqondo ngokuya kwaMabhokobhoko kwitumente ekuthiwa yiRugby Championship

Abakasithathi isigqibo abaqeqeshi baMabhokobhoko ngokuthatha inxaxheba kweqela labo kwitumente yamazwe ngamazwe ekuthiwa yiRugby Championship.

UMzantsi Afrika, oye waziintshatsheli kunyaka ophelileyo phambi kokuya kwiNdebe yeHlabathi, usephakathi kweBhayi neTinarha ngenxa yefuthe elibi elidalwe yikhorona esele yosulele abantu abangaphezulu kwamashumi asixhenxe amawaka kweli lizwe ukusukela ekuqaleni kwalo nyaka.

Kwiveki ephelileyo, iSanzaar iye yaqinisekisa okokuba iRugby Championship iza kudlalwa iiveki ezintandathu kwilizwe laseAustralia. Lo nto iye yathetha ukuthi

AmaBhokobhoko kufuneka azilungiselele kwixeshana elifutshane emva kokuba umbhoxo unikwe ilungelo lokudlala kwisithuba seeveki ezimbini ezigqithileyo.

UMzantsi Afrika awukazivuleli iinqwelomoya eziya nezisuka kwamanye amazwe ngaphandle kwabezoshishino, ngoku kusekho ukuthandabuza malunga nokunikwa kweqela lesizwe ilungelo lokuntingela kwelinye ilizwe phantsi kwemiqathango yekhorona.

Umqeqeshi weBoks, uJacques Nienaber nomlawuli weSaru, uRassie Erasmus, bazicacisile ekuqaleni kwale veki iingxakana abajongene nazo njengokuba besacinga ngokuya kwiRugby Championship.

“Kusekho izinto ezisafuna ingqwalasela. Eyokuqala kukuba urhulumente akakasikhuphi isigunyaziso sokudlala imidlalo yamazwe ngamazwe. Kwelinye icala sisalinde urhulumente waseAustralia asinike umkhombandlela malunga nenkqubo eza kulandelwa xa sifika kwela cala. Okunye esingaqinisekanga ngako kukufumaneka kwabadlali abadlala kumazwe aphesheya kolwandle,” utshilo uNienaber.

Abaqeqeshi bayakrokra, amaqela aseNgilane ngeke avume ukubakhulula abadlali phambi kokuqala kwetumente.

“Siyavakala isizathu samaqela aseNgilane; aza kube engekayigqibi isizini. Kufuneka abadlali bafike ngaxeshanye ukuze bakwazi ukuhlala ndawonye ngokomthetho wekhorona. Bekufanele siye kwiRugby Championship iqela sele lidlale imidlalo emithandathu emva kwexesha elide kungekho midlalo,” utshilo uErasmus.