Abasasazi babhiyozele inkululeko ngemidlalo

Izikhululo zosasazo zasekuhlaleni iKumkani FM, iMdantsane FM kunye neForte FM, zibhiyozele usuku lwenkululeko (Freedom Day) ngendlel’ eyodwa.

Ezi zikhululo ziye zagqiba kwelokuba zihlangane zizonwabise ngokudlala imidlalo yebhola kwibala lezemidlalo iScenery Park Play Ground ngosuku lwayizolo.

Exelela I’solezwe lesiXhosa ngenjongo yokudibana kwabo, uManejala weKumkani FM, nebingabasindleki besi siganeko, uAlime Dyubula, uthe injongo kukuzonwabisa, ukwazana nangokwabelana ngeengcebiso zokwakha izikhululo zabo zasekuhlaleni.

“Sizokudlala, sazane, kwaye sonwabe. Siye sabona kubalulekile siyiKumkani FM ukuba sikhe sidibane, sibonwe ngabahlali ukuba nangona sizizikhululo zosasazo ezisasazela abaphulaphuli ngokohlukana, sineenjongo ezifanayo zokwakha iindawo zethu zokuhlala.” UDyubula uqhube wathi: “Yimini yenkululeko, sonwabile. Oku ayikuko okokuphumelela okanye ukubethwa kukabani na, kodwa siyazonwabisa, sazane. Sizakukwazi ukunxulumana kakuhle, nanjengoko abanye bethu bengazani kodwa senza umsebenzi omnye. Ndichulumancile kakhulu.”

Uthi iKumkani FM inento abayibiza iOperational Plan, nalapho icandelo elijongene nabasebenzi kwesa sikhululo kufanele lize nesicwangciso sokukhupha abasebenzi ngaphandle e-ofisini.

“Ngamanye amaxesha i-ofisi iyadina, ngoko siye sabona kubalulekile ukuphuma sibethwe ngumoya ngale mini sakhe uqhogwano sizezi zikhululo,” utshilo uDyubula.

IKumkani FM iqale ukusasaza ngomhla we-23 kaNovemba ngo2013. Ngokuka Dyubula, iKumkani FM ijongene “ nemingeni efana nokucotha kokukhula kwecala lezoshishino nanjengoko isikhululo sisesitsha, nokusebenza nolutsha olungenayo into elixhotyiswa ngayo.”

UDyubula umemelele amashishini akhoyo ekuhlaleni axhase iKumkani FM ngokungenisa ishishini kwesi sikhululo kwakunye nokuxhobisa, akhuthaze abasebenzi baso.

Kwicala lenkxaso, iKumkani FM ibibambisene nenkampani yesiselo iTwizza kwakunye noStar Bread.