Abawuvali umlomo abazakubukela Amabhokobhoko

Usuku lwangoMgqibelo lusuku olungasoze lulibaleke kusapho lakwa Sobuza

UNomaxabiso Sobuza nowakwakhe uMziyanda Sobuza bafumene ithamsanqa lokubukela iqela lesizwe lo- mbhoxo iSprngboks okokuqala kule mpelaveki sisuka kuyo.

Le nyhweba bayifumene emva kokuba uNomaxabiso efumene amatikiti kukhuphiswano le #Love Rugby obeluqhutywa leli phephandaba.

Akawuvali umlomo uNomaxabiso ngosuku lakhe lokuqala lokubukela AmaBhokobhoko, eBhayi. “Ndonwabe kakhulu nasebaleni ibindim ndedwa omileyo apho besihleli khona ndikhwaza iiBoks. Nangoku sisabhiyoza endlini yeyonanto singasokuze siyilibale le ebomini bethu,” utshilo uNomaxabiso.

“Ndikhe ndawudlala umbhoxo wabasetyhini ngaphambili isithuba esingangonyaka kodwa ndaphinda ndayeka. Ndiyayithanda kakhulu imidlalo kwaye inkulu into endiyenzelwe leli phephandaba I’solezwe lesiXhosa.”

Ezemidlalo, ingakumbi umbhoxo, kuyacaca ukuba yinto yakweli khaya kuba umyeni kaNomaxabiso uMziyanda naye ukhe wawudlala kakhulu umbhoxo ebutsheni bakhe. Uthe akufumana amatikiti uNomaxabiso wabiza nomyeni wakhe.

Yena uMziyanda ukhe wadlala kwi-EP Kings kunye namanye amaqela asekuhlaleni, kwaye uthi umbhoxo yeyonanto isasondeleyo entliziyweni yakhe.

“Ibikokuqala ukuba ndibukele iSpringboks ebaleni. Ndivuye kakhulu kukubona abadlali bakuthi, uSiya Kolisi noLwazi Mvovo ekudala kusithiwa bazakufakwa.

Umdlalo ubumhle kakhulu kodwa kusafuneka umqeqeshi asebenze nabadlali bakhe,” utshilo uMziyanda.

Esi sibini siphinde safumana ithamsanqa kwakhona ngoMgqibelo, xa bephumelela ukhuphiswano olubanika ithuba lokuya kubukela iSpringboks kwakhona, eThekwini, kweyeDwarha kulo nyaka. Kulo mdlalo iiBoks zizakube zidlala neNew Zealand.

UMziyanda uthe: “Lithamsanqa elikhulu ukuya eThekwini kuthi sobabini kuba siyaqala ukuya, sisandul’ukutshata kwaye into yokuphuma siye emidlalweni yinto ezisa ulonwabo kakhulu emtshatweni wethu.

Sibamba ngazo zozibini kwiphepha ndaba ngale nyhweba, sikujonge ngamehlo abomvu ukuya eThekwini.