Abeqakamba balungiselela ukubuyela ebaleni

Likhona ithemba lokubuyela kwemidlalo kwakhona emva kokuxinga kwayo – kodwa yimidlalo ethile eza kubuyela emabaleni.

Oku kubhengezwe kuMphathiswa weZemidlalo, uMnu. Nathi Mthethwa, othe imidlalo efana neqakamba, igalufa nentenetya ingabuyela ebaleni ngoba yona leyo imidlalo yahlukile kweminye.

Loo qabu wamkelwe ngezandla ezifudumeleyo ngabantu beqakamba eyagqityelwa ukudlalwa kwisithuba esingaphaya kweenyanga ezimbini ngenxa yekhorona esele yosulele izigidi ezithandathu zabantu yabulala nabasukela amakhulu amane amawaka kwihlabathi.

Ngoku into efunekayo kwizikhulu zombutho olawula iqakamba, iCricket South Africa, kukunika urhulumente umkhombandlela ocacileyo notyhila indlela ekunokudlalwa phantsi kwayo neqinisa kakhulu ukhuselo labo bonke ababandakanyekayo kwiqakamba.

“Ziindaba ezimnandi kuthi sonke kwiqakamba. Besisoloko sinxibelelana nabasemagunyeni kwaye basixhasile,” itshilo ingqonyela ebambeleyo yeCSA, uJacques Faul.

Imidlalo efana nebhola ekhatywayo nombhoxo iseza kulinda elinye ixesha elide ngokungafaniyo neqakamba.

“Okwangoku imiqathango ivumela ukubuya kweqakamba ekwinqanaba eliphezulu. Into ekufuneka siyenze ngoku kukunika isicwangciso sethu urhulumente ukuze abone indlela esiza kubakhusela ngayo abadlali nabaqeqeshi. Amaqela weqakamba ngokwezigaba akuzo, aza kuxelelwa ixesha lokubuyela emabaleni. Sele ndithethile neenkokeli zombutho wabadlali beqakamba kwaye ndifuna ukuqinisekisa wonke umntu okokuba akukho mdlali, umqeqeshi okanye igosa leqakamba eliza kunyanzelwa xa kukho into elingakholisekiyo yiyo,” utshilo uFaul.

Iqakamba yeminye yemidlalo eqhokreke kakhulu kwicala lezimali – kodwa izinto ziza kuguquka njengokuba urhulumente ethe imidlalo enabantu abangoyamaniyo ingadlalwa kule nyanga yeSilimela nangona amanani wabantu abosulelwe yikhorona esukela amashumi amane amawaka eMzantsi Afrika.

pedro.mapelo@inl.co.za