Abethene kwanzima eNgqamakhwe

Isikolo sakuTsomo samabanga aphantsi, iNomzamo Senior Primary School, sifumene inyhweba xeshikweni siphumelela itumente edlalwe egameni likaMama Nontsikelelo Albertina Sisulu.

Izikolo ezilishumi zakuTsomo bezikhuphisana kule tumente yokubhiyozela iminyaka elikhulu yokuzalwa kukaMama uSisulu.

Imidlalo ibibanjelwe e-Albertina Sisulu Junior Primary School kwilali yaseXolobe apho uMama uSisulu wazalelwa khona.

Kwizikolo ezilishumi kwabaneminyaka engaphantsi kweshumi elinesithathu (Under-13) kwibhola ekhatywayo, iNdlangisa Senior Primary School neNomzamo Senior Primary School, zizo ezikwazileyo ukufikelela kumdlalo wamanqam.

Emveni kokuba iNdlangisa S.P.S ibethe iNolusapho S.P.S ngo’2-0, yona iNomzamo S.P.S ibethe iBengu S.P.S. ngo’5-4 kumapenela.

ISisulu ikhutshwe zisuka yiNolusapho S.P.S ngo’1-0. Kumdlalo wamanqam kwakhona iNomzamo S.P.S iphumelele ngo’5-4 kumapenela ibetha iNdlangisa S.P.S emva kokudlala ntanganye ngeqanda macala kwixesha elimiselweyo.

Kwicala lomnyazi, isikolo esiphumelele umdlalo wamanqam yiSajini S.P.S ebethe iNdlangisa ngo’11-0. Izikolo eziphumeleleyo zigoduke neempahla zokudlala macala omabini kunye neembasa zegolide logama ezibambe indawo yesibini zifumene iisilivele.

Imidlalo ibiququzelelwa lisebe lezeMfundo ephondweni leMpuma Koloni; isebe liphise ngezipho eziliqela eziquka oobhaka kubafundi bezikolo ezahlukeneyo ebebeyinxalenye yokubhiyozela uMama Sisulu.

Isithethi sesebe, uMonwabisi Ray, uthe bayayixhasa imidlalo ezikolweni kwaye bazimisele ukuphucula nemeko yesikolo i-Albertina Sisulu J.S.S ethiywe ngegama likaMama uSisulu.

Kule nyanga siza kufakelwa iziko lekhompyutha esi sikolo kuze kunyaka ozayo sihlaziywe isakhiwo saso.

Wonke lo msebenzi uza kwenziwa lisebe.

isibhalo@inl.co.za