Izinto aziwahambelanga kakuhle kwaphela Amajita kumdlalo wesibini kwindebe yehlabathi. Kukhangeleka ngathi uMzantsi Afrika uzakuhlanjiswa ijesi kwakusasa emva kokubethwa yi-Italy ngo’2-0 kumdlalo we’2017 FIFA World Cup obubanjelwe eSuwon Cup Stadium namhlanje. Ngempelaveki edlulileyo, Amajita aphise ngomdlalo kwisigaba sesibini kumdlalo ngethuba ebethwa ngo’2-1 yiJapan kwakule nkundla inye.
Amataliyane ahlasele zibekwa kulo mdlalo, ngokuqinisekileyo aye kulo mdlalo eyifunde ngokupheleleyo indlela adlala ngayo Amajita. Unozinti woMzantsi Afrika, uMondli Mpoto, uye wanyanzeleka asebenze kwimizuzu yokuqala kulo mdlalo. Emva kwemizuzu embalwa, amakhwenkwe kaThabo Senong akwazile ukungena emdlalweni kwatsho kwabonakala nooLuther Singh.
Abadlali be-Italy babuye ngamandla kwisigaba sesibini somdlalo, uMpoto uzijulile kwakhona evala ibhola embi ebeikhatywe nguFavelli. Asindile kwakhona Amajita ngethuba ibhola egotywe ngobuchule nguGiuseppe Pezzella enqandwe yipali kungekapheli namashumi amabini emizuzu kwisigaba sokuqala somdlalo. Kwimizuzu embalwa emva koko uWiseman Meyiwa uye wohlwaywa ngusompempe kuba esithi udlale kakubi uRiccardo Orsolini ngaphakathi kumhlaba kanozinti. Loo penela ifakwe kwanguye u-Orsolini.
Kuyiwe kwixesha lokuphumla Amataliyane ehamba phambili ngo’1-0 kulo mdlalo. Kwisigaba sesibini, ifake uxinizelelo kwakhona i-Italy – kangangokuba iye yafuma igowuli lesibini elifakwe nguFavelli ngomzuzu wamashumi amahlanu anesixhenxe. Uphele mdlalo uMzantsi Afrika ungafumananga nelobika igowuli kulo mdlalo.
Ukubethwa koMzantsi Afrika kunciphise amathuba [wawo] wokudlulela phambili kule midlalo yendebe yehlabathi. USenong uvumile ukuba umdlalo ubunzima futhi neqela lakhe libethiwe.
IPirates ibhale iincwadi zembali ngokutsha eMoses Mabhida Stadium!