Abhengeziwe amagama ngumqeqeshi weBanyana Banyana

Gv of the Final 21 players to AWCON during the Banyana Banyana Team Announcement on the 07 November 2018 at SAFA House / Pic Sydney Mahlangu/BackpagePix

Umqeqeshi
weqela lesizwe lebhola ekhatywayo lamantombazana (Banyana Banyana), uDesiree
Ellis, uthi ukukhetha abadlali abaza kumela uMzantsi Afrika kwimidlalo
ye-Africa Women Cup of Nations ibiyinto enzima kakhulu kuye. Lo ka-Ellis
ubhengeze amagama wabadlali abangamashumi amabini ananye izolo. Itumente yebhola
ekhatywayo yamanenekazi yezwekazi le-Afrika yebhola iza kubanjelwa kwilizwe
laseGhana ukusukela ngomhla weshumi elinesixhenxe kule nyanga ukuyothi xhaxhe kumhla
wokuqala kwinyanga ezayo. Phakathi kwabadlali abaya eGhana kukho abadlali
ababini abatsha kwiqela likaDesiree Ellis. Abo badlali nguTisetso Makhubela
odlalela iMamelodi Sundowns no-Amanda Mthandi odlalela iJohannesburg University.

“Bekunzima
kakhulu ukushiya abadlali abathile ngoba bonke babonisile ukuba bayakufuna
ukuba yinxalenye yeqela lesizwe eliya eGhana. Nangona kunjalo, ndingayitsho
into ethi ndiqinisekile ngabo abadlali endibachongileyo ukuba baza kuwenza
umsebenzi. Siphantse sayiphumelela itumente esiyakuyo amatyeli aliqela;
siyilungele nakweli ityeli,” utshilo u-Ellis. ABanyana Banyana bathelekiwe
namazwe alushica futhi aziwayo kwibhola ekhatywayo. Kumdlalo wokuqala, aBanyana
Banyana baza kungquzulana neentshatsheli ze-Afrika – iNigeria, kwibala ekuthiwa
yiCape Coast ngomhla weshumi elinesibhozo.
Ngomhla wamashumi amabini ananye, aBanyana Banyana bathathana neKenya kwaseCape
Coast Stadium – baze kowokugqibela badibane neZambia ngomhla wamashumi amabini
anesine.

 

Iqela lesizwe
loMzantsi Afrika liya kwitumente yezwekazi le-Afrika likhuthazekile emva
kokukhusela indebe edlalwa ngamazwe asemazantsi ekuthiwa yiCosafa ebidlalelwe
eBhayi kutshanje. Kodwa eyona nto ezakube isilwela ukuzibeka indawo kwindebe
yehlabathi ezakube ikwilizwe laseFrance kunyaka ozayo.

 

Banyana Banyana:

Oonozinti: Andile
Dlamini, Kaylin Swart, Roxanne Barker.

Abadlali basemva:
Lebogang Ramalepe, Nothando Vilakazi, Janine van Wyk (captain), Noko Matlou,
Bambanani Mbane, Tiisetso Makhubela, Koketso Tlailane.

Abadlali basesiswini:
Kgaelebane Mohlakoana, Mamello Makhabane, Leandra Smeda, Nompumelelo Nyandeni,
Linda Motlhalo, Busisiwe Ndimeni, Refiloe Jane.

Iifolosi: Jermaine
Seoposenwe, Thembi Kgatlana, Melinda Kgadiete, Amanda Mthandi.