Usomashishini
owaziwayo jikelele, uPatrice Motsepe, kuye kwanyanzeleka ukuba asebenzise
ubuchule bakhe bokuxoxa kule veki ukuze iBarcelona ivume ukuza eMzantsi Afrika.
Isigwili sakwaMotsepe siqinisekisile ukuba ngokwenene iMamelodi Sundowns iza
kuqubisana neqela laseSpain elidume kwihlabathi lonke – iBarcelona, ngomhla
weshumi elinesithandathu kule nyanga eFNB Stadium. Iingxelo zithi amatikiti
ahamba ngokukhawuleza okwamagwinya ashushu kwiindawo eziwathengisayo. Enye
yezinto ebithande ukumsokolisa uMnu. uMotsepe kukuba iBarcelona sele izigqibile
izicwangciso zayo zamalungiselelo esizini ezayo. Ngoku kuye kwanyanzeleka ukuba
inyakathise lo mdlalo ujongwe ngamehlo abomvu ngabalandeli bebhola okwiveki
ezayo.
Lo mdlalo
uphakathi kweSundowns neBarcelona uyinxalenye yemibhiyozo yeminyaka elikhulu
yokuzalwa kukaNelson Rholihlala Mandela – umongameli wokuqala woMzantsi Afrika
omtsha. Abanye babadlali abadumileyo ekulindeleke ukuba beze eMzantsi Afrika
baquka uLionel Messi, uLuis Suarez kunye nesiququ u-Andres Iniesta. Eli qela
laseSpain kuya kunyanzeleka ukuba liphethuke kwamsinya ngoba linomdlalo
wokuvala isizini neReal Sociadad ngeCawe kule mpelaveki. Ngenxa yalo mdlalo,
izikhulu zeDowns ziye zacela iCAF ukuba ihlehlise umdlalo weChampions League
obuzakube uphakathi kweSundowns neHoroya ngoLwesibini.
Fikile
Mbalula, Tokyo Sexwale, Precious Moloi-Motsepe, Patrice Motsepe, ntonio
Barradas, director of La Liga Africa, Tokozile Xasa Minister of Sport and
Recreation and Danny Jordan, SAFA President during the Mamelodi Sundowns and
The Motsepe Foundation press conference at Sandton Convention Centre,
Johannesburg on 10 May 2018 ©Samuel Shivambu/BackpagePix
“Amazwe
amaninzi asebenzisana neBarcela sele ezitywinile izicwangciso nayo ukuze
ityelele wona. Sithe xa sifumana ithuna ngoLwesithathu, siqondile ukuba
masilibambe ngezandla zozibini. Lo mdlalo ubaluleke kakhulu kulutsha,” utshilo
uMotsepe.
“Ndisengumlandeli
webhola osemncinane, ndandisiya e-Orlando Stadium – apho ndandibukela khona
abadlali abakhulu. Lo nto yandikhuthaza kakhulu. Abanye babo badlali basekhona –
kodwa abazi ukuba wawubaluleke kangakanani umsebenzi wabo. Baninzi ke nangoku
abadlali abatsha abafuna ukubukela uMessi no-Iniesta. Masiyenzeni le nto
Masandawana! Masamkele iintshatsheli zaseSpain kwiveki ezayo! Nguba ofuna
ukuhamba nathi?” utshilo uMotsepe.
Ufuna amaqanda amaninzi kwiinkukhu zakho?