Abulelene ebutsheni beveki amaqela ombhoxo eMthatha Stadium

Amaqela ombhoxo amanenekazi ebedibene eMthatha kule veki kwitumente ekuthiwa yiSA Rugby U20 Women’s Tournament. Umfanekiso: SW/Facebook

Nakubeni isimo sezulu besisibi ngempelaveki ephelileyo – kodwa amaqela adlalile eMthatha Stadium. Umbutho olawula umbhoxo eMzantsi Afrika ubambe itumente yamaqela ombhoxo amantombazana angaphantsi kwamashumi amabini eminyaka (SA Rugby Under-20 Women’s Tournament) kwidolophi laseMthatha okokuqala embalini yombhoxo. Injongo ephambili yeSouth African Rugby kukwandisa inani lamantombazana adlala umbhoxo kuqiniswe nomgangatho womdlalo kwimimandla ephantsi kwendawo yase-O.R.Tambo Municipality. Lishumi elinanye lonke lamaqela athathe inxaxheba kwitumente ebanjelwe eMthatha Stadium kuquka neqela lamantombazana elisuka ebumelwaneni, eZimbabwe. Aliqela amaqela ayivule ngendlela encumisayo itumente kusuku lokuqala nakwelesibini.

Elona qela elenze ezibukwayo zisuka ibe yiGolden Lions evuthulule iFree State ngo’32-7. Kanti lona iqela elingoosotheko, iEastern Province, libambene neNatal Sharks ngo’29-29 emdlalweni obunzima. Ngomhla wokuqala kwetumente ngeCawe, amaqela abethane zophukela ezandleni iintonga. Emdlalweni wokuqala, iSouth Western Districts (SWD) ibethe iBlue Bulls ngo’33-12. UShannon Pieterse ufake iitrayi ezintathu zeSWD efumene ezintlanu emdlalweni wokuvula. Kowesibini emdlalo, iLimpopo izibethele iGriquas ngo’12-0 emva kweetrayi ezimbini ezifunyenwe nguMasingita Nomvela noTintswalo Mashavane. Yona iBorder edlalela ekhaya, ibethwe yiWestern Province ngo’12-5 emdlalweni wokuqala.

Kanti iqela lombhoxo laseZimbabwe alikwazanga ukudlala ngosuku lesibini letumente ngenxa yeminyaka yabadlali abathile ekhabanayo nemithetho yetumente exhaswe lisebe leZemidlalo kwiphondo leMpuma Koloni nenkampani yeenjineli ekuthiwa yiLikhithanande Engineers. “Ngokubambela kwethu itumente apha (O.R.Tambo Municipality), sinethemba lokuqaqambisa italente ekhoyo sinike nabadlali abatsha ithuba lokuzibonakalisa emdlalweni wombhoxo. Sifuna ukuqinisekisa ukuba amanenekazi apha angena ngobunzi emdlalweni wombhoxo,” utshilo uLynne Cantwell, uMphathi weSA Women’s Rugby. Emva kwetumente, kukho abadlali abaza kuchongwa ukuze babe yinxalenye yeqela lesizwe, iJunior Springbok Women, ekhangelelwa iqela eza kudlala nalo ingaphelanga inyanga yeDwarha.