Afuna ukwenza imbali AmaBhokobhoko kwitumente yehlabathi yalo nyaka

UMalcolm Marx noPieter-Steph du Toit be South Africa emdlalweni weCastle Lager Rugby Championship. Umfanekiso: ©Samuel Shivambu/BackpagePix

Iqela lesizwe loMzantsi Afrika lombhoxo elikhokelwa nguSiya Kolisi liza kulwela ukubuya neNdebe yeHlabathi okwesibini amatyeli elandelela. AmaBhokobhoko aza kududulana neScotland emdlalweni wetumente yehlabathi wokuqala eStade De Velodrome, eMarseille, ngomkhono phambi kwentsimbi yesithandathu ngorhatya ngeCawe. Ukusukela ngonyaka ka1994, uMzantsi Afrika uyiphakamise izihlandlo ezine indebe yehlabathi. Kulo nyaka uya edabini elinzima ufuna ukuyiphumelela kwakhona. Ingenzeka lo nto bethu? UNgqondongqondo omkhulu embhoxweni wehlabathi, uRassie Erasmus, uthi iqela labadlali abanalo kulo nyaka libhetele kunelo laphakamisa indebe eJapan.

AmaBhokobhoko aphumelela indebe ngo2019 ephethwe nguErasmus. Kodwa ngoku imikhala ixhuzulwa nguJacques Nienaber – omnye wabaqeqeshi abakrelekrele ababencedisa uErasmus kwitumente edlulileyo eJapan. Noxa uLukhanyo Am noHandre Pollard bengekho ngenxa yokonzakala – kodwa iqela lesizwe lisomelele ngoba kubotshwe iinkabi ezazikhona eJapan nezisedyongo ezinamendu. Ethetha phakathi evekini, uRassie uthe iliso labo babelibeke kulo nyaka emva kokuchongwa kwabo ngo2018. “Sasicwangcise ukwakha iqela eliza kulwela indebe ngo2023. Yaba yibhonasi nje le yenzeka eJapan. Sasijonge iminyaka yabadlali esasinabo ngala nyaka.

Ndicinga ukuba sineqela elomeleleyo kunangokuya,” utshilo uRasmus ongumlawuli wabaqeqeshi beSpringbok. Emva kokuba AmaBhokobhoko ebhulele amasaka iNew Zealand emdlalweni obuseTwickenham kuntshanje, kubekho isankxwe esenziwe ngabantu abathile kwihlabathi ngendlela adlala ngayo. URassie uthe umbhoxo uyafana nokuba uwudlale njani. “Umbhoxo soze uguquke. Kufuneka ibhola ibe kuwe ukuze ukwazi ukufumana amanqaku emdlalweni. Xa uhlaselwa, kufuneka ube nendlela yokuhlanganisa. Kuko konke okwenzekayo, kubakho ukukhatywa kwebhola phaya naphaya,” utshilo uErasmus encokweni nogxa wakhe phakathi evekini. UKolisi uthe iSpringbok siza kudlalela ukubuya nendebe.