Afungelene azakudlala kwiTelkom Knockout!

Emva kokuba iBidvest Wits ithathe iindebe ezimbini kwisizini ephelileyo, wonke umntu uye wayibona njengelinye lamaqela anamandla nanokuthatha iindebe kwiPSL.

Kule sizini izinto aziyihambeli kakuhle – kodwa ikwazile ukuzibekela indawo kumdlalo wokugqibela weTelkom.

Nangona kunjalo umdlali weBloemfontein Celtic, uJacky Motshegwa, uthi baya kulo mdlalo wokugqibela beyazi into elindelekileyo futhi bezimisele.

IWits idibana neCeltic kumdlalo weTelkom Knockout okulindeleke ube nzima ePrincess Magogo Stadium ngentsimbi yesithandathu emalanga ngoMgqibelo. ISiwelele sagqibela ukubandakanyeka kumdlalo wamagqibela kankqoyi weTelkom ngo-2012 ngethuba sibetha iMamelodi Sundowns ngo’1-0 eMoses Mabhida Stadium.

UMotshegwa uxelele Isolezwe ekuqaleni kwale veki ukuba abantu abaninzi babona iWits ilelona qela linethuba lokuthatha indebe nakubeni ingaqhubi kakuhle kwimidlalo yePSL kule sizini.

“Umdlalo uzakuba nzima kakhulu – kodwa nathi sisebenza ngokuzimisela okukhulu singabadlali beCeltic ngoba sifuna ukuthatha indebe. Asifikanga lula kwindawo esikuyo,” utshilo uMotshegwa.

“Wonke umntu uyinika iWits le ndebe ngoba banabadlali abanamava. Ukufikelela kule ndawo ikuyo iWits kuyachaza ukuba iliqela elomeleleyo,” utshilo uMotshegwa.

Emva kokungaqhubi kakuhle kwizini edlulileyo, izinto ziyihambela ngcono kakhulu phantsi kukaVeselin Jelusic ofike phambi kwale sizini. Noxa iWits isemsileni kwiPSL – kodwa imidlalo enje akufanelanga ukuba ibe yingxaki kuyo ngenxa yabadlali abanamava enabo.

UThulani Hlatshwayo uthi yiCeltic enethuba lokuthatha indebe – kodwa uyityityimbisele umnwe ngelithi ingabadeleli.

“Xa ujonga imbali yethu kwiTelkom, sisoloko sibethwa kuyo. Umqeqeshi uthe uyayifuna le ndebe. Indawo esikuyo kungenxa yokuba isidelele iCeltic – kodwa kufuneka siqinisekise ukuba sibuya nayo indebe,” utshilo uHlatshwayo kwiintatheli.