Agoqoza nenqaku elinye Amakhosi emva kokubambana neChippa emdlalweni obutak’ iintlantsi eSisa Dukashe Stadium

Agoduka
egoqoza nenqaku elinye Amakhosi emva kokubambana neChippa United ngamagowuli
amathathu (3-3) emdlalweni weMultiChoice Diski Challenge otshise ukusukela
ekuqaleni ukuya ekugqibeleni eSisa Dukashe Stadium emini namhlanje. Nangona
ilanga beligqatse ubhobhoyi – kodwa abalandeli bebhola bebephume ngobuninzi.
Bagoduke bencumile abalandeli; abadlali bamaqela omabini badlale umdlalo
ophucukileyo futhi onamagowuli amaninzi kakhulu. Umdlali owenze idemesha enkulu
ebukhosini nguRonaldo Maarman ofake amagowuli amabini weChippa United. Nangona
kungekho bani onokuthi iChippa ibingakufanelanga ukuphumelela – kodwa yiKaizer
Chiefs ebinamathubaamaninzi futhi nomdlalo ubulawulwa yiyo. Inqaku elinye
liyigcina kwindawo yesibhozo iChiefs – kanti nayo iChippa ihleli kwindawo
yeshumi elinanye.

Amaqela aye
kwixesha lokuphumla ebambene ngegowuli elinye macala emva kwesiqingatha
sokuqala ebesitaka iintlantsi. Iqela ebelidlalela ekhaya litsazise igazi kuqala
emdlalweni ngebhola entle efakwe nguRonaldo Maarman emva kokuba enikelwe ibhola
entle ekunene. Izamile kwakhona ukuya phambili iChippa isebenzisa abadlali bayo
abafana no-Aviwe Mqokozo noXabiso Soldaat – kodwa ayavuma iChiefs ukuvula.
Igowuli leChippa libaxhokonxile abadlali beChiefs ngoba emva koko; baquqe
bebuyelela ezipalini zayo. Umdlali ogama linguNkosingiphile Ngcobo ngoyena
obeyinkathazo ngoba ebetyala iibhola eziyingozi phakathi kwabadlali beChippa.
Imizamo yeChiefs iye yavuzwa ngethuba uKhumbulani Ncube efaka ibhola edlalwe
kakuhle esiswini nguNgcobo. Nangona idlale kakuhle iChippa – kodwa isiqingatha
sokuqala besilawulwa yiChiefs evalwe ngu-Amos Mokwena ezipalini ifuna
elesibini.

Image

Uphinde
wafaka elinye igowuli uRonaldo Maarman emzuzwini wokuqala kwisigaba sesibini
emva kwempazamo eyenziwe ngumdlali weChiefs emva. Wolule isandla wancama
uMokwena obezama ukunqanda ibhola ekhatywe ngamandla nguRonaldo. Emva kwemizuzu
emibini, uKeletsso Sifama ufake igowuli lokulinganisa emdlalweni. Emzuzwini
wamashumi amahlanu anesihlanu, uBuhle Mhlekeni ufake igowuli lesithathu
leChippa emva kwebhola ebhutyuzwe nguBontle Molefe ezipalini isuka ekoneni.
Kufakwe uAthenkosi Mfama emva kokonzakala kukaShaydon Rhodes
odlale kakuhle kwisigaba sokuqala somdlalo. Amakhwenkwe kaMbuyiselo Sambu
ebephantsi koxinizelelo kwisigaba sesibini – kodwa uMokwena noogxa bakhe
bazamile ukuchitha iibhola ezinzima. ULebohang Lesako ufake igowuli lesithathu
leChiefs emzuzwini wamashumi asixhenxe anesibini. Ubenelishwa elikhulu uSifama
odlule emadodeni aliqela ngethuba ibhola yakhe iphuma ecaleni. Ithuba elihle
lokusonga umdlalo liyekwe yifolosi yeChippa, uThulani Mini ephambi kukanozinti.
Khange ifike iCape
Town City
,
kulindele ke iMamelodi Sundowns izuze amanqaku amathathu.

 

Chippa: Amos Mokwena, Buhle Mhlekeli, Zolane Ndubane,
Okuhle Mpayipheli, Kerwin Peters, Shaydon Rhodes, Aviwe Mqokozo, Xabiso
Soldaat, Thulani Mini, Ronaldo Maarman, Kayden Franncis.

Amalalela: Siyabonga Ntonga, Anele Mvebe, Kurstyn
Flanagan, Athenkosi Mfama, Keanu Prince.

Chiefs: Bontle Molefe, Darrel Matsheke, Wandy
Khwinana, Thabo Mokwena, Sihle Mbele, Lebohang Lesako, Khumbulani Ncube,
Nkosingiphile Ngcobo, Kefiloe Mojaki, Sabelo Radebe, Keletso Sifama.

Amalalela: Thabang Mohotsi, Kamohelo Hoala, Sibusiso
Milazi, Tshepo Myeni, Mthokozisi.