Akabalekanga ususe amaphepha uCaster

Likhona ithemba kwi-Olimpiki zalo nyaka emva kokuba imbaleki yeli lizwe, uCaster Semenya ebaleke umgama ongamakhulu amane eemitha kumdyarho obuseStellenbosch ngoMgqibelo odlulileyo.

USemenya ubaleke lo mgama ngexesha eliyimizuzwana engamashumi amahlanu [50.76], ebhukuqa ixesha elenziwa yimbaleki yaseMelika, uJaide Stepter.

Le mbaleki yaseLimpopo izuze intshinga yomgama ongamakhulu asibhozo eemitha ngexesha elingumzuzu nemizuzwana engamashumi amahlanu [1.56:48]. Kukulo msitho walo nyaka apho uSemenya abeyeyona mbaleki ibaleke ngesantya esiphezulu.

Le nzwakazi yafumana imbasa kumgama ongamakhulu asibhozo kwiiLondon Olympics ngo-2012, ngoku unethemba lokwenza ezibukwayo.

USemenya, oneminyaka engamashumi amabini anesihlanu, uhleli phantse iminyaka emibini engabaleki ngenxa yokwenzakala.

USemenya ukhe ngowe-2009 kwathandatyuzwa isini sakhe, Kodwa oko kwalungiswa.