Akafuni kulahla ithemba umqeqeshi weKings noxa kunzima

Abadlali beSouthern Kings basakhangela impumelelo yokuqala kwiPRO 14 ukusukela oko iqalile isizini entsha Umfanekiso: Kings/Facebook

Iqela lombhoxo laseBhayi, iSouthern Kings, liyiqale kakubi isizini yeGuiness PRO 14 emva kokuphulukana nemidlalo eliqela.

Ukuza kuthi ga ngoku, iKings sele ibethwe emidlalweni emithathu yonke. IKings ibethwe ngamaqela afana neCardiff Blues, iMunster phambi kokubethwa yiUlster kwimpelaveki ephelileyo.

Yonke imidlalo iKings iphulukene nayo phambi kwabalandeli bayo eNelson Mandela Bay Stadium.

Umqeqeshi weqela, uRobbie Kempson, uthi zininzi izinto ezifundwe liqela lakhe emidlalweni egqithileyo.

“Akukho qela likufunayo ukubethwa. Nathi sidlalela impumelelo kodwa kule midlalo igqithileyo, ayenzekanga lo nto. Zininzi izinto ezincomekayo emidlalweni esiyidlalileyo. Siza kude sifike apho sifuna ukuba khona njengeqela apha kwiPRO 14,” utshilo uKempson.

IKings ikwisizini yayo yesithathu kwiPRO 14, kuzo zombini iisizini ezidlulileyo khange iqhube kakuhle.

Ekuqaleni kwale sizini, eli qela laseBhayi lityikitye abadlali abaninzi abakwizinga eliphezulu abafana noHoward Mnisi, uThembelani Bholi nabanye.

Uninzi lwabo abakwazanga ukudlala emidlalweni egqithileyo ngenxa yokonzakala abakufumana emaqeleni abasuka kuwo.

UKempson uthi likhona ithemba lokuba abanye abadlali abanamava baza kuba yinxalenye yeqela abaza kuya nalo eYurophu.

“Abanye babadlali bethu esinethemba lokuba baza kusisa kule ndawo sifuna ukuya kuyo baphosiwe yimidlalo yokuqala ngenxa yokonzakala. Kodwa oogqirha bethu basithembisile ukuba abanye siza kuhamba nabo xa sisiya eYurophu,” utshilo uKempson.

UKempson uqinisekise abalandeli beKings okokuba baza kuzama kangangoko ukubuya namanqaku eYurophu.

“Alizokuba lula utyelelo lwethu eYurophu kodwa ndifuna ukubaqinisekisa abalandeli bethu ukuba siza kulwa ukuze sizuze amanqaku kula midlalo,” utshilo uKempson.

IKings iza kufumana ikhefu kule mpelaveki. Iza kuqala imidlalo yayo iKings yaseYurophu neqela ekuthiwa yiBenneton yaseItaly ngomhla wamashumi amabini anesithandathu.

Ngomhla wokuqala kweyeNkanga iza kunyathelana neGlasgow Rangers, eScotland. Ilandele nge-Ospreys eWales ngomhla wethoba.