Akafuni kunikezela uKhenyeza noxa ibethwa iGolden Arrows

Umqeqeshi weGolden Arrows, uMabhuti Khenye, uthi akukonakali nto emva kokuphulukana nomnye umdlalo kutshanje. Abafana Bes’thende baguqiswe phantsi ngamagowuli amabini kwelinye (2-1) yi’Orlando Pirates emdlalweni weDStv Premiership obubanjelwe eMpumalanga Stadium ngempelaveki egqithileyo. Ukubethwa kwabo kuthetha ukuthi iqela likaKhenyeza liphulukene nemidlalo emithandathu ilandelela (equka eyendebe) eliyidlalileyo.

Emva komdlalo, umqeqeshi weGolden Arrows ubalule iimpazamo ezenziwe ngabadlali abathile njengoyena nobangela wokubethwa yiPirates. Ukubethwa kweGolden Arrows ziindaba ezimbi ngoba kuphasalaka umsebenzi omhle obuwenziwe nguKhenyeza noVilakazi owabeka phantsi engabhungisanga waya kwiChippa United kodwa othe wazibandakanya neRichards Bay kwinyanga ephelileyo.

Ithuba elide, iGolden Arrows ibihleli kwindawo yesibini kwiDStv Premiership emva kweMamelodi Sundowns ehleli phezulu kwindawo yokuqala. “Ndicinga ukuba sibethwe emdlalweni ngenxa yeempazamo zabadlali abathile. Umntu ukhetha ukubuyisela ibhola emva endaweni yokudlala ibhola eya phambili esendaweni embi,” utshilo uKhenyeza ophantsi koxinizelelo emva komdlalo. “Ezo zizinto ezithi zisifake engxakini ekufuneka sibakhumbuze ngazo abadlali bethu. Wenza impazamo ibenye kutshintshe yonke into emdlalweni. Andizami ukubeka ityala kubadlali abathile – kodwa okucacileyo kum kukuba kufuneka siphucule indlela esenza ngayo izinto.

Siphulukene nemidlalo emininzi ngenxa yeempazamo ezenziwa ngabadlali abathile. Emdlalweni esiwudlale neChippa United kutshanje, senza impazamo ebingadingeki emhlabeni kanozinti. Ziimpazamo ezincinci ezo esohlwayayo ngazo,” utshilo uKhenyeza. Abafana Bes’thende baza kuzama ukulungisa izinto xa bedibana neTS Galaxy emdlalweni weDStv Premiership oza kube useMpumalanga Stadium ngentsimbi yesithathu emalanga ngoMgqibelo. Ngumdlalo oza kubanzima ngoba nayo iTS Galaxy izikhotha amanxeba emva kokubethwa kwiCarling Knockout kwimpelaveki egqithileyo.