Akafuni kuzikhathaza ngokugxothwa uSeema

Lehlohonolo Seema

Rhoqo xa uSiviwe Mpengesi esazisa igama lomqeqeshi omtsha weqela lakhe, abantu basoloko bebuza umbuzo omnye: Uza kugxothwa emva kweeveki ezingaphi? Loo mbuzo uphenjelelwa yindlela ekhawulezayo ukubagxotha abaqeqeshi kwiChippa United.

Nangona uMpengesi engenantanga ebholeni yaseMzantsi Afrika kwicala lokutshintsha abaqeqeshi kodwa uLehlohonolo Seema uthi ingqondo yakhe isemsebenzini wakhe, hayi ezembeni elibukhali likaMpengesi.

“Lo ngumsebenzi obalulekileyo ngaphezulu kwemali. Yinto eqhelekileyo kakade ukuqwalasela imali nakubani na, kodwa lo msebenzi uza kundikhupha endaweni yemfudumalo. UThixo ethandile, ndinethemba lokuba izinto ziza kuhamba kakuhle. Ndiza kulwa kwaye ndiza kusebenza kakuhle noSambu,” utshilo uSeema ethetha kwiSAFM ekuqaleni kwale veki.

USeema usuka kwiBloemfontein Celtic ayidlalele iminyaka emininzi emva koko wangumqeqeshi wayo. Ngaphandle kwamathandabuzo, imali ayinikwe nguMpengesi ibhetele kakhulu kunaleyo ayifumana kwiCeltic esathe gabhu kwiingxaki zemali ekuzo.

USeema ungena esikhundleni esishiywe nguRhulani Mokwena emva kweenyanga ezintathu qha. Noxa ukuhlala kwakhe kuxhomekeke emidlalweni ayiphumelelayo – kodwa yena uSeema utyikitye isivumelwano seminyaka emithathu yonke.

Zange yanaye umqeqeshi ogqibe iminyaka emithathu iChippa kodwa umqeqeshi omtsha uchaze umphathi wakhe omtsha njengendoda enentliziyo entle.

“Andicingi ngokugxothwa mna. Into endiyaziyo kukuba nakweliphi iqela, abaqeqeshi bayafika baphinde bahambe. Nalapho ndisuka khona iyaziwa lo nto. Njengomqeqeshi, iziphumo zemidlalo yeyona nto ojongwa kuyo. Umqeqeshi kufuneka abeke ingqondo yakhe emsebenzini. Ndinethemba lokwakha umoya omhle phakathi kwabadlali ngokusebenzisana noSambu,” utshilo uSeema.