Akafuni ukunikezela umqeqeshi weKaizer Chiefs!

Ukubethwa kweKaizer Chiefs kumshiye uArthur Zwane engonwabanga kwaphela – kodwa nangona kube njalo, akazimiselanga ukunikezela. Amakhosi aguqiswe phantsi yiSekhukhune United ngegowuli elinye eqandeni emdlalweni weDStv Premiership obubanjelwe eFNB Stadium kwimpelaveki egqithileyo. Ibingumdlalo wesithathu ilandelelana iChiefs ingakwazi ukufumana amanqaku amathathu. Okuye kwenza kwakrakra kakhulu kubalandeli kukuba iChiefs ibibhiyozela unyaka wamashumi amahlanu anesithathu yasekwayo. Ukuba Amakhosi ebephumelele, ebeza kucutha umsantsa omkhulu ovulwe yiMamelodi Sundowns ehleli phezulu kwiDStv Premiership. “Ndiphoxekile ngoba lusuku lokusekwa kweChiefs. Bendicinga ukuba siza konwabisa usihlalo wethu, uGqirha Kaizer Motaung,” utshilo uZwane emva komdlalo.

Kuko konke okwenzeka kwiChiefs, umqeqeshi wayo usenethemba lokuhle okuzayo emidlalweni ezayo kwisigaba sesibini sesizini yeDStv Premiership eqhubekayo. “Zizinto zasebholeni ezi. Siza kubuya ngamandla kwimidlalo elandelayo ngoba sidale amathuba amaninzi emdlalweni. Bendiza kuxhalaba ukuba besingadlalanga kakuhle,” utshilo uZwane ophantsi koxinizelelo. Emidlalweni elishumi elinesihlanu, iChiefs isathe ngcu kwindawo yesine. Iphumelele imidlalo esixhenxe, yadlala ntanganye kathathu yaze yabethwa kwemihlanu. Ukubethwa kwayo kucuthe kakhulu amathuba wayo wokukhuphisana neSundowns ebethe iChippa United ngo’2-1 emdlalweni obuseLoftus Stadium ngoLwesibini wale veki.

“Ayikokuphela kwethu oku. Siza kuzivuthulula siye phambili futhi. Isemininzi imidlalo esiza kuyidlala kule sizini. Ngeke wazi, ibhola inezimanga zayo, singaphumelela emva kwalo umdlalo” utshilo uZwane. Lingekapholi ixeba, Amakhosi aza kugagana naMaZulu emdlalweni weDStv Premiership ekulindeleke ukuba utake iintlantsi eMoses Mabhida Stadium ngentsimbi yesixhenxe ngomso. Emidlalweni yeMTN8, AmaZulu ayibethela kokwayo iChiefs phambi kokuyikhupha eMoses Mabhida Stadium emdlalweni wesibini. Iqela likaZwane liya eThekwini lifuna impindezelo – kodwa ngeke kube lula ngoba AmaZulu akhangela impumelelo emva kokubethwa yiRoyal Am kwidabi lobukhaya kwiveki ephelileyo. Abaqeqeshi bamaqela omabini baphantsi koxinizelelo kwaye kunokwenzeka obethiweyo ngoLwesihlanu akhonjwe indlela awayeze ngayo.