Nakubeni izinto zingayihambeli kakuhle iThunderbirds Ladies emidlalweni yeHollywoodbets Super League – kodwa umqeqeshi usenethemba lokuliphepha izembe xa kusongwa isizini. Eli qela laseGcuwa lihleli kweyona ndawo embi ekugqibeleni kwiSuper League ngoba alikhaphumeleli namnye umdlalo ukusukela oko kwaqala isizini kwiinyanga ezidlulileyo. Linye tshu inqaku enalo iThunderbirds. Yalifumana emdlalweni eyabambana kuwo neDurban Ladies ngamagowuli amathathu macala kwinyanga kaCanzibe.
Okucacileyo kukuba onke amaqela adlala kwiSuper League aza kuzixhwithela amanqaku kule sizini kwiThunderbirds. Nangona kunjalo, uPhumlani Matshobeni uthi uqinisekile ukuba iqela lakhe alizukuthotyiselwa xa kusongwa isizini. Kunzima ukubona ukuba ithemba lakhe liqamele enini ngoba iqela lakhe ngoba liyabethwa emidlalweni yalo. “Ibhola ekhatywayo ayifani nomdlalo wamanqindi, leyo into ndiyayazi. Njengoko benditshilo ngaphambili, sizimisele ukulwa kude kube ngumzuzu wokugqibela,” utshilo umqeqeshi weThunderbirds.
Usenethemba lokuba ikhona into engenzeka ukuba iqela lakhe lingacholachola amanqaku emidlalweni elandelayo. “Ukuba ndingafumana amanqaku alithoba kungabhetele. Sidinga ukuphumelela nje imidlalo emithathu, zijike izinto. Andizukutsho ukuba ngawaphi amaqela esijonge ukufumana amanqaku kuwo – kodwa ndilithembile iqela lam futhi ndiyalithanda.,” utshilo uMatshobeni. Kwisizini egqithileyo, iqela laseMpuma Koloni belikhe lahamba nzima – kodwa lakwazi ukuzikhupha engxakini. Yilo nto ebangela umqeqeshi anganikezeli.
Phakathi kwezinto ezenza iqela lihambe nzima kukuba alifumani nkxaso eMnquma – apho lingenayo nendawo yalo yokuziqeqesha ngaphandle kokuncathama kwiindawo zamanye amaqela. Enye into ebembi kukuba lilahlekelwe ngabadlali abaninzi. “Siliqale phantsi iqela lethu ngenxa yabadlali abaninzi abemkileyo. Esinabo basuka kumaqela asezantsi kwiSasol Women’s League. Bayaqala ukudlala kumgangatho elikuwo iqela. Siza kulwa sisiya phambili kodwa njengakwisizini egqithileyo,” uvale ngaloo mazwi umqeqeshi ethetha kwiSABC TV Sport.
Abafundi bematriki ka2024 benze imbali!