Akawuvali umlomo luvuyo uMabasa

Isiquququ somdlali asiwuvalanga umlomo ngenxa yochulumanco emva kokufaka amagowuli amabini emdlalweni weveki ephelileyo.

UTshegofatso Mabasa, 22, ubhakuzelise umnatha kabini ngethuba iOrlando Pirates ibetha iChippa United ngo’2-1. Lo mdlali osuka kwiBloem Celtic uncede iPirates ebinemidlalo engaphaya kwemihlanu ingasaphumeleli.

“Kundichulumancise kakhulu ukufaka kwam amagowuli amabini,” utshilo uMabasa emva komdlalo kwikhasi lonxibelelwano. UMabasa uthi umqeqeshi wePirates, uRhulani Mokwena, ucele ukuba balwe okweengonyama emdlalweni ogqithileyo.

“Umqeqeshi uthethe nathi phambi komdlalo. Uthe ucela silwe emdlalweni. Sizifumene iziphumo ezihle ngoba sidlale ngcono kuneqela ebesidlala nalo,” utshilo uMabasa.