Akawuvali umlomo uKolisi emva kokubetha iCanada

Ukapteni weSpringboks, uSiya Kolisi, ubaqhwabele izandla oogxa bakhe emva kokuvuthulula iCanada emdlalweni weNdebe yeHlabathi ekuqaleni kwale veki umfanekiso: EPA/MARK R. CRISTINO

Anqunqela egoqweni kwanto ephambi kwawo AmaBhokobhoko kwiNdebe yeHlabathi.

Emva kwemini ngoLwesibini wale veki, uMzantsi uzibekele indawo kumjikelo olandelayo weNdebe yeHlabathi ebanjelwe eJapan emva kokuvuthulula iCanada ngo’66-7.

Kanti phambi komdlalo wale veki, AmaBhokobhoko avuthulule i-Italy ngo’49-3 okulandele umdlalo abethe kuwo iNamibia ngo’57-3.

Iqela lesizwe loMzantsi Afrika lombhoxo bekunyanzelekile ukuba liqoshelise iCanada ukuze likwazi ukutyhila indlela yalo eya phambili eJapan.

Ukapteni uSiya Kolisi uliqhwabele izandla iqela lakhe emva kokwenza umsebenzi oncomekayo.

Amakhwenkwe kaRassie Erasmus ayibonise amaqhekez’ engqele iCanada ngethuba elala emgceni izihlandlo ezilishumi.

“Ndizingomba isifuba ngomsebenzi owenziwe liqela, ngakumbi kwisigaba sokuqala.

Akukhathaliseki nokuba mangaphi amanqaku kodwa eyona nto ibalulekileyo kuthi kukuba umdlalo wethu uyaphucuka.

Umdlalo wethu ubumhle kakhulu kwisigaba sokuqala somdlalo.

Ndicinga ukuba kwesesibini kubekho ukuyekelela kancinci emdlalweni wethu, kodwa ke eyona nto endiyiphawuleyo kukuba abadlali bebewonwabele umdlalo,” utshilo uKolisi emva komdlalo.

Ukuqhuba kakuhle kweBoks ngumsebenzi omhle owenziwe nguRassie Erasmus ukusukela ekuqaleni konyaka.

Amaqela ayahluzana njengokuba iNdebe yeHlabathi isondela kwisigaba sesibini.

Ilizwe elifuna ukuthatha indebe kufuneka lizicacise kwisigaba esilandelayo ngokuba kulapho amandla avavanywa khona.

Noxa kungekacaci iqela eliza kudibana noMzantsi Afrika kodwa kucingeleka okokuba ingayiJapan, i-Ireland okanye iScotland.

Kwakufuneka uhlabe ukhangele uMzantsi Afrika xa udityaniswe neJapan ngokuba yothuse abantu abaninzi kakhulu ngokuphumelela yonke imidlalo yayo noxa isabonwa njengelizwe elisakhulayo embhoxweni wehlabathi.

Omnye wabadlali abadlale kakuhle emdlalweni ogqithileyo ibe nguElton Jantjies noSchalk Brits.

Ukapteni umncomile uBrits watsho esithi ubukho bakhe buyinkuthazo ebadlalini abasakhulayo.

“Ungumdlali onobulumko okwayinkuthazo kwabanye ngokuba usoloko ebeka phambili iqela kuyo yonke into,” utshilo uKolisi.