Akawuvali umlomo uNontshinga owenze imbali eMexico!

Sivenathi Nontshinga. Umfanekiso: Facebook

Imbethimanqindi yaseMonti, uSivenathi Nontshinga, ifanelwe lulo lonke udumo emva kokuphumelela owona mlo onzima ebomini bakhe ngempelaveki egqithileyo. UNontshinga ubethe uHector Flores ngamanqaku watsho wayintshatsheli ye-IBF junior-flyweight emva komdlalo wamanqindi obubanjelwe eHermosillo kwilizwe laseMexico. Kuphantse kwalalwa kungatyiwanga ngethuba uFlores ebonisa amandla wakhe kwimijikelo ethile emdlalweni obuphambi kwabalandeli bakhe eMexico. Ukufincwa kwemijikelo elishumi elinambini kuntama ubunzima bomdlalo. Emva komlo wangempelaveki, uNontshinga uyintshatsheli yehlabathi ekhethekileyo ngoba upase olona vavanyo olunzima kakhulu. Nakubeni kunjalo – kufanele abulele umqeqeshi wakhe, uColin Nathan. Kuthe xa kubonaka ukuba unyuka umnqantsa, uNathan uxelele uNontshinga inyaniso.

“Awuqhubi kakuhle, kodwa ukuba uyafuna ukuguqula ubomi bakho unemizuzu elithoba yokwenza lo nto,” utshilo uNathan exhokonxa imbethimanqindi yakhe nayikhumbula into eyona ebiyiyele eMexico. Noxa isiqalo sikaNontshinga besisihle – kodwa uncedwe yimijikelo emithathu yokugqibela ayiphumeleleyo ngoba uFlores ebeze ngamandla. Le mbethimanqindi yaseMonti, ebiqala ukulwela intshinga yehlabathi, ibiqala ngqa ukulwela kude ekhayeni layo. Khange akwazi ukuzibamba yimincili umqeqeshi wakhe. “Le yinto enkulu kakhulu emanqindini waseMzantsi Afrika,” utshilo uNathan okhuphe amazwi enkuthazo azele impumelelo.

“Ndiyakuvuyela ukuba yinxalenye yale mpumelelo. Ndimxelele ukuba unemizuzu elithoba yokuguqula izinto emva kokumbona ukuba umlo uyathathwa kuye. Uyenzile lo nto kwaye ndizingomba isifuba ngomsebenzi wakhe omhle kwaye isibindi anaso uNontshinga siyamangalisa,” utshilo uNathan. Umphathiswa wezmidlalo kwiphondo leMpuma Koloni, uNksz. uNonceba Kontsiwe, uvuyisene noNontshinga obeyozingela intshinga eMexico. “Siyazingca ngaye uNontshinga ngoba usimele kakuhle isizwe sonke. Ndifuna ukubulela abaqeqeshi bakhe ngokwenza umsebenzi oncomekayo,” utshilo uKontsiwe. Ekufikeni kwakho eKempton Park emini ngoLwesibini wale veki, uNontshinga ubulele wonke umntu omncedileyo kwindibano ebekukho kuyo abaphathi beRumble Africa namagosa aphezulu aseburhulumenteni.