Uphakamisele phezulu amanqindi wakhe uPhumelele Cafu emva kokuba yintshatsheli yehlabathi okokuqala ebomini bakhe. Oku kwenzeke emva kokuba uCafu oyise uKosei Takana emlweni weWBO super flyweight obubanjelwe eAriake Arena, eJapan ekuqaleni kwale veki. Umlo ubunzima kakhulu kuzo zombini iimbethimanqindi ngoba bezifuna ukuphumelela.
Iijaji ezimbini zinike uCafu amanqaku ayi114-113 ukuze akwazi ukoxutha intshinga kuTanaka ophoxeke phambi kwabalandeli bakhe. Kwiinyanga zokuqala zalo nyaka, uCafu wafudukela kwiphondo laseGauteng kwisitali sikaColin Nathan. Isizathu sokuhamba kwakhe eMpuma Koloni wathi ufuna ukuba yinntshatsheli.
Kungaphelanga nonyaka, yenzekile loo nto kuNathan ozenzele igama ngokuba ngumtshini othembekileyo okhiqiza iintshatsheli zehlabathi emdlalweni wamanqindi. Ngekumnandi kakhulu kuNathan ukuba ebephumelele naye uSivenathi Nontshinga olahlekelwe yintshinga yakhe emva kokubethwa nguMasamichi Yabuki.
Emva komlo, uCafu uvuye kakhulu ngoba bekungekho mntu oqinisekileyo ukuba ngubani oza kuphumelela ngenxa yobunzima eqongeni. Into emncedisileyo uCafu kakhulu kukuba umwisile uTanaka kwimijikelo yokuqala yomlo wetayitile. Kodwa imbethimanqindi yaseJapan ibuye ngamandla emlweni futhi iphantse yamongamela uCafu ogqibe omlo edumbile namehlo abebomvu kukuphanyazwa ngamanqindi.
“Andinawo amazwi. Yile nto ekudala ndiyifuna ebomini bam,” utshilo uCafu evuya. “Ndiyambulela uTanako ngokundinika ithuba lokulwa naye. Ndibulela abalandeli bamanqindi balapha eJapan neqela lam elindincedileyo. Ngaphezulu kwako konke, ndibulela uThixo. Akukho nto ebiza kwenzeka ngaphandle kwakhe.
“Umlo ubunzima kakhulu. Bendidibene neyona mbethimanqindi elushica ebomini bam. Anditsho kuba bendingalindelanga ubunzima, nyhani ubunzima umlo. Wonke umntu uyalazi ngoku igama lam,” uvale ngaloo mazwi uCafu emva kokuwisa uTanaka obelushica kowabo.
Umrhanelwa obefunwa ubulawe ngamapolisa