Akayifakanga engqondwenu uSeptember eyokugxothwa yiChippa United

Thabo September.

Omnye wabaqeqeshi abatsha beChippa United, uThabo September, uthi ngeke akhule ukuba angamamela yonke into ethethwa ngoMnu. Siviwe Mpengesi. Ekuqaleni kwale nyanga, uMpengesi wenze adume ngazo ngethuba ebhengeza uSeptember noKwanele Kopo njengabaqeqeshi abatsha beChippa United.

La madoda mabini angena endaweni kaMorgan Mammila owanikwa umsebenzi phambi kokuqala kwesizini eqhubekayo emva kokushenxiswa kukaLehlohonolo Seema owayisindisa ezembeni ngo2023.

Bothuka abantu abaninzi ebholeni xa kubuyiswa uMammila ngoba wahamba iChippa isendaweni embi kakhulu. Kuphinde kwenzeka into efanayo nangoku – kodwa ngoku uye wanikwa isikhundla esingasentla kunesokuqeqesha.

Emva kokuqeqesha iSuperSport United edlala kwiDiski Challenge, uSeptember uzithembile ukuba uza kwenza umsebenzi olindelweyo kuye. USeptember uyaziwa ebholeni yaseMzantsi Afrika. Wazibalula kwiSuperSport awayidlalela wade wayeka ukudlala ibhola ekhatywayo.

“Ngeke ndikhule ukuba ndingamamela izinto ezithethwayo ngabantu. Ukugxothwa kwabaqeqeshi yinto eqhelekileyo. Ukuba ndingoyika ukugxothwa, lo nto ithetha ukuthi ngeke ndikhule njengomqeqeshi. Bendingeke ndifike kwindawo endikuyo, nditsho ndisengumdlali, ukuba bendikhokelisa uloyiko.

“Kulungile ukoyika – kodwa ngamanye amaxesha, kufuneka wenze izinto ngoku waziyo ukuba zinzima,” utshilo uSeptember emva kokunikwa isikhundla sokuqala sokuqeqesha kwiPSL. UMnu. Mpengesi wenze iinguqu eqeleni lakhe njengesiqhelo emva kokuba lingafumana iziphumo ezihle emidlalweni eliqela phantsi kukaMammila.

Engaqali, uMnu. Mpengesi unike umsebenzi uSeptmeber osemtsha kwicala lokuqeqesha ngokufanayo nango2022 awanyusela ngawo uDan Klaite owayeqeqesha iqela lakhe elidlala kwiDiski Challenge. “Ndothuka mna xa ndifumana umnxeba kusihlalo weChippa. Wandixelela umbono wakhe ngeChippa United. Ukusukela ngoko sathetha into evanayo.

“Umphathi weSuperSport, uMnu. Stan Matthews, khange aphatheke kakuhle – kodwa ekugqibeleni wandikhulula ngesihle. Ukuya kwam kwiChippa kungoba ndifuna ukukhula nokufunda indlela yokwenza izinto kwiPSL,” utshilo uSeptember encokola nephephandaba laseGoli.