Akazimiselanga kunikezela uLebese emva kokuchithwa yiSuperSport United

Nkosinathi Sibisi of Lamontville Golden Arrows and George Lebese of Supersport United both compete to get to the ball during the Absa Premiership 2018/19 game between Golden Arrows and SuperSport United at Sugar Ray Xulu Stadium in Durban the on 10 February 2019 Gerhard Duraan/BackpagePix

Umdlali odlala
esiswini, uGeorge Lebese, ukhangela iqela anokulidlalela emva kokuchithwa
kwakhe yiSuperSport United ebimboleke kwiMamelodi Sundowns ekuqaleni konyaka.
Ekufikeni kwakhe kwiSuperSport, uLebese wayenethemba lokufumana ithuba
lokudlala imidlalo ngokungafaniyo nakwiSundowns – apho agabhule isizini
engadlalanga phantsi kukaPitso Mosimane. Ngelishwa lakhe uLebese, Amatsatsantsa
a Pitori, abenethemba lokuba angamthenga kwiDowns, akhethe ukumbuyisela apho
ebesuka khona ngoba akhala ngokuba udinga ixesha elide phambi kokuba alungele ukudlala.
“Ndiyixelele iSundowns ukuba ngeke sikwazi ukumthatha uLebese ngoba akekho
kwisimo esilungileyo. Yinto esiyoyikayo naphaya ku-Aubrey Mngoma noLucky
Mohomi. Kuthatha ixesha elide ukubuyisela umdlali kwisimo sokudlala xa
engasatyenziswa,” utshilo uStanley Matthews, ingqonyela yeSuperSport United.

Abasemfuthweni
wolwazi bathi iyamphazamisa engqondweni uGeorge Lebese into eyenzeka phakathi
kwakhe neSundowns – kodwa akazimiselanga kunikezela kwaye ukhangela elinye
iqela anokulidlalela kwisizini ezayo. Iqela ekuvakalanga ngathi linomdla kuye
yiBlack Leopards etyikitye uThuso Phala obekade edlalela iSuperSport United. ULebese
wemka kwiKaizer Chiefs kunyaka ophelileyo ekhala ngokunganikwa ithuba lokudlala
– kodwa izinto khange zimhambele kakuhle nakwiSundowns. UMatthews ujonge
ukufumana uNgoma kwiDowns. “UNgoma ngumdlali osemgangathweni ophezulu. Ukuba
angadlala kakuhle, ndingakwazi ukumkhulula u-Aubrey Modiba. Kunzima ukumelana
nemivuzo yabadlali beSundowns xa ubathenga ngoba iphezulu,” itshilo ingqonyela
yeSuperSport United.

Kwisizini edlulileyo,
iSuperSport United ikhe yasokola – kodwa yabuya yaswabuluka ekupheleni
kwesizini egqithileyo. UKaitano Tembo uqinise iqela lakhe ngokutyikitya
uThamsanqa Gabuza noKudakwashe Mahachi abebedlalela iPirates. Ekupheleni kwesizini,
Amatsatsantsa akhulule uReneilwe Letsholonyane, uMorgan Gould, uJames Keene noThuso Phala.
Bonke ibingabadlali abaphambili kwiSuperSport – kodwa uTembo ubachithile emva
kokungabasebenzisi kwisizini edlulileyo.