Akhala ngamathuba omabini amaqela aseSoweto

Abalandeli bebhola abaxolanga ncam ziziphumo zomdlalo we-Absa Premier Soccer League obuphakathi kwe-Orlando Pirates neKaizer Chiefs ophele la maqela ebambene ngo’1-1 eFNB Stadium ngempela veki.

Nangona ukubethwa kwelinye iqela kula mabini ngekwenze idemesha engathethekiyo, kodwa ukungabikho kweqela eliphumelelayo akubaxolisanga abaninzi.

Amakhosi angcangcazelise umnatha ngebhola efakwe nguWillard Katsande obengumdlali oqaqambileyo ekupheleni komdlalo.

Amabhakaniya ebenethemba lokufumana impumelelo yesibini kwimidlalo yePSL, kodwa ithamsanqa khange libe kwicala lawo.

Isiqingatha sokuqala silawulwe yiChiefs, kwaye ukuba amathuba bebewasebenzisile ngebebuye namanqaku apheleleyo.

UKatsande, uReneilwe Letsholonyane, uSiphiwe Tshabala bencediswa nguWilliam Twala ngabona bebewulawula umdlalo, kwaye uGeorge Maluleka noCamaldine Abraw bayigcine iPirates ixakekile phaya emva, kodwa abakwazi ukusebenzisa amathuba.

Kwisigaba sesibini * -Issa Sarr, uThandanani Ntshumayelo, UThabo Qalinge bebeyinto ibila kwiChiefs, kangangokuba igowuli likaThamsanqa Gabuza, kwisigaba sesibini, lize ngenxa yoxinzelelo abalibeke kwiChiefs edlale kakubana kwisigaba sesibini.

UKatsande uthi, ngumdlalo lo ebekumele ukuba bawusinge kwisiqingatha sokuqala. “Umdlalo sohlulelene ngawo; besinamandla kwesokuqala, kodwa kwisigaba sesibini ibingabo abanamandla.

Ngesibabulele sabuya namanqaku amathathu ukuba amathuba besiwasebenzisile. Besibazi ukuba baza kujula yonke into kwisigaba sesibini, kodwa ke wona umdlalo ubumhle,” utshilo uKatsande.

Ukapteni weBucs, uThabo Matlaba, uthi badlale into ecacileyo emva kokungena kwabadlali ababini kwisigaba sesibini.

“Ekuqaleni asidlalanga. Kwesesibini sidlale ngcono. UGabuza ufake igowuli sakwazi ukubuyela emdlalweni, kodwa ukungena kukaSifiso Myeni noMpho Makola kwenze sadlala ibhola yethu yesiqhelo. Ndimqhwabela izandla noQalinge, udlale kakuhle kakhulu,” utshilo uMatlaba.

Umdlali siswini wePirates, uThabo Qalinge, udlale kakuhle kakhulu. Ibhola ebezinika oogxa bakhe phambili zizo ezenze ingxaki kwiChiefs.

Lo mdlali ebedlisela ngesakhono sakhe sokudlala ibhola kwaye lo nto ithandiwe ngabalandeli bebhola kakhulu. omabini la maqela akakwazanga ukusebenzisa amathuba kulo mdlalo.