Akhalela amathuba kwakhona Amakhosi!

Rooi Mahamutsa of Free State Stars FC and Gustavo Paez of of Kaizer Chiefs FC compete to get to the ball first during the Absa Premiership 2017/18 game between Kaizer Chiefs and Free State Stars at Moses Mabhida Stadium, Durban on 25 November 2017 © Gerhard Duraan/BackpagePix

Emva
kokudlala imidlalo emibini KwaZulu-Natal, umqeqeshi weKaizer Chiefs, uSteve
Komphela, ukhala ngelishwa lokungafumani magowuli emva kokuba iqela lakhe
libambene neFree State Stars ngo’1-1 kumdlalo we-Absa Premier Soccer League
obubanjelwe eMoses Mabhida Stadium ngale ntlwa yanamhlanje. Iqela likaKomphela
lifumene amathuba aliqela (ngokufanayo neFree State Stars) okufumana amanqaku
apheleleyo – kodwa ngelishwa icamagu alivumanga. Ekuqaleni kwale veki Amakhosi
adlale ntanganye naMaZulu FC ngeqanda macala – lo nto ithetha ukuthi ashiya
iThekwini ephethe amanqaku amabini qha endaweni yamathandathu.

Izinga lomdlalo
beliphezulu kwaye ebekhona amathuba wokufumana amanqaku apheleleyo macala.
UKomphela uqale umdlalo ngoGustavo Paez noBernard Parker phambili. Injongo yakhe
ibicacile: ebekhangela indlela yokufumana amagowuli ngoba kuphela kwento
ebinokufunqula umoya wabadlali beChiefs ekubonakalayo ukuba baphantsi
koxinizelelo. UGeorge Maluleka uphantse wayonzakalisa iFree State Stars
kwisigaba sokuqala somdlalo – kodwa zombini iibhola zakhe ziphume ecaleni
kwepali. Kuyiwe kwixesha lokuphumla kungekho gowuli emdlalweni.

Kwisigaba sesibini
somdlalo kutake iintlantsi emdlalweni emva kweenguqu ezenziweyo macala omabini.
Umqeqeshi weFree State,
uLuc Eymael, ufake uSiphelele Mthembu endaweni kaJarred Abrahams. Iqhufuze
iqanda iFree State ngebhola entle kakhulu efakwe nguNhlanhla
Vilakazi ekude. Kwimizuzu embalwa uWillard Katsande ufake elokulinganisa leChiefs.
Amakhosi aguduka entwyizisa emva kokuba iibhola zawo ezimbini zibethe epalini. Ngoku
iChiefs idlale imidlalo imidlalo yePSL ingaphumelelanga nomnye.

Kaizer Chiefs: Khune, Cardoso, Hadebe,
Ngezana, Zulu, Katsande, Maluleka, Tshabalala, Molangoane, Páez, Parker.

Free State Stars: Sangare, Mobbie,
Mbhele, Keita, Phungwayo, Masehe, Vilakazi, Dlamini, Maphakisa, Jantjie, Abrahams.