Akubangakho elifuna ukoyiswa eFNB Stadium ngale njikalanga

Ben Motshwari of Orlando Pirates challenged by Teenage Hadebe and Daniel Cardoso of Kaizer Chiefs during the Absa Premiership 2018/19 match between Kaizer Chiefs and Orlando Pirates at FNB Stadium, Johannesburg on 9 February 2019 ©Samuel Shivambu/BackpagePix

Emva
kwamashumi alithoba emizuzu emdlalweni we-Absa Premier Soccer League obutak’
iintlantsi, iKaizer Chiefs ne-Orlando Pirates, zibambene ngegowuli elinye
macala [1-1] eFNB Stadium ngale njikalanga. Amagowuli omdlalo afakwe nguDaniel
Cardoso noThembinkosi Lorch osindise iPirates ebilandela ngasemva ngomzuzu
wamashumi asibhozo. Ukungaphumeleli kwePirates kuyivimbe ithuba elihle lokunyukela
phezulu kwiPSL – kanti nayo iChiefs ayikwazanga ukuvala umsantsa ophakathi
kwayo namaqela aphezulu. UDaniel Akpeyi, omtsha kwiChiefs, ufumene ithuba
lokudlala idabi laseSoweto okokuqala – kanti naye uWayne Sandilands uqale
ezipalini kwicala lePirates. Ebaleni bekugcwele njengesiqhelo, iPirates lelona
qela elidlale umdlalo ophucukileyo kwizigaba zomdlalo zozibini nangona nayo
iChiefs ikwazile ukuzixhwithela.

Amaqela
asukelene zibekwa nje emdlalweni. Ilelo iqela kubonakala ukuba lifuna
ukubhalisa kwangoko ebhodini. Emzuzwini wesibini umdlalo uqalile, uKhama
Billiat uvuthulule ibhola ekude – kodwa ngelishwa lakhe, ibethwe ngamanqindi
nguWayne Sandilands yabuyela ebaleni. UMusa Nyatama noXola Mlambo benze izinto
abadume ngazo esiswini – ukutyala iibhola eziyingozi kuJustin Shonga
nakuThembinkosi Lorch abavaliweyo ngabadlali beChiefs basemva amatyeli aliqela
emdlalweni. Ingozi iphantse yenzeka ngethuba uBernard Parker engquba ibhola
ngentloko ephantse yambhida uSandilands.

Nangona
iyiChiefs ehlasele kakhulu kwisigaba sokuqala – kodwa yiPirates edlale umdlalo
odibeneyo noxa ingakwazanga ukudala amathuba acacileyo. UDaniel Akpeyi, obengumbukeli
ixesha elininzi, uphantse wafakwa engxakini yibhola ephoswa nguShonga emva kokugotywa
nguVincent Pule ekunxele. Akukho nto ingako eyenziwe nguLeonardo Castro
obegadwe kakhulu ngu-Alfred Ndengane. Kanti uBilliat uzamile – qha ebezingafumani
iibhola ezintle kubadlali abafana noHappy Mashiane noHendrick Ekstein.

Zisuka nje
kwisigaba sesibini, Amakhosi akhuphe uMashiane ongakhange agqame emdlalweni.
Endaweni yakhe kufakwe uPhilani Zulu. Ngomzuzu wamashumi amahlanu, uParker
ukhabe ibhola entle ephume phezu kwepali. UDaniel Cardoso uyivalele emnathi
ipenela ngomzuzu wamashumi amabini anesithathu. Ipenela ivele emva kokuba
iBilliat ebonakale etsalwe ngu-Asavela Mbekile ebhokisini. USandilands wenze
umsebenzi omhle ngokuphazamisa uBilliat obezama ukusebenzisa ibhola ebidlalwe
nguParker obedlala ekunene.

UMicho ukhuphe
uNyatama, wafaka u-Augustine Mulenga. Bahlasele macala onke abadlali bePirates
bezama ukufumana igowuli lokulinganisa. Uphimile uMlambo kwangena uMpho Makola
endaweni yakhe. Ibhola engqutywe ngentloko nguPule khange imsokolise u-Akpeyi. UMulenga
utsale imbumbulu yebhola ethe qelele – kodwa ifike ethe qwa u-Akpeyi.
UThembinkosi Lorch umshiye elele uDaniel Akpeyi wafaka igowli ngomzuzu
wamashumi asibhozo emva kokufumana ibhola entle kuMotshwari. Amakhosi aphose
ithuba lokufaka igowuli emva kokungasebenzisi ibhola ebidlalwe kakuhle nguKhama
Billiat. Umdlalo uphele iChiefs nePirates zibambene ngo’1-1.

  

Kaizer Chiefs: Daniel Akpeyi, Kgotso Moleko, Danile Cardoso,
Teenage Hadebe, Siphosethu Ntiya-ntiya, Bernard Parker, George Maluleka.
Hendrick Ekstein, Happy Mashiane, Khama Billiat, Leonardo Castro.

Amalalela: Bruce Bvuma, Ramahlwe Mphahlele, Gustavo Paez,
Siphelele Mthembu, Philani Zulu, Siyabonga Ngezana, Willard katsande.

Orlando Pirates: Wayne Sandilands, Asavela Mbekile, Alfred
Ndengane, Happy Jele, Innocent Maela, Musa Nyatama, Ben Motshwari, Xola Mlambo,
Thembinkosi Lorch, Justine Shonga, Vincent Pule.

Amalalela: Jackson Mabokgwane, Mpho Makola, Kudekwashe
Mahachi, Paseka Mako, Linda Mntambo, Nyasha Mumetsi, Augustine Mulenga.