‘Akukho namnye osezingeni likaKhune!’

Unozinti weKaizer Chiefs, * -Itumeleng Khune, unconywe nguWade du Plessis owayefudula engunozinti ohamba phambili eMzantsi Afrika

UWade du Plessis ukhala ngokungabikho koonozinti abakwizinga lika-Itumeleng Khune kwibhola yelizwe loMzantsi Afrika.

Lo kaDu Plessis ukuthethe oku kwincoko yakhe neSolezwe kutshanje. UDu Plessis wayengunozinti ophambili kwiKaizer Chiefs nakwiqela lesizwe – iBafana Bafana phakathi kuka-1989 ukuyokuthi xhaxhe ku-1993.

UKhune uneminyaka engaphezulu kweshumi ebamba kwiChiefs, kwiBafana Bafana waqala ukuba ngunozinti ophambili kanye phambi kwendebe yehlabathi ngo-2010.

Ukusukela ngoko zange aphinde abuye ngamva ukuzokuthi ga namhlanje, kwaye baphaya kwisihlanu abaqeqeshi abamsebenzisileyo kwiBafana Bafana ukusukela kwindebe yehlabathi eyayisingathwe nguMzantsi Afrika.

Nakule isizini, uKhune sele ezibonakalisile okokuba ungumdlali osezingeni eliphezulu ngokuthi ahlangule iqela lakhe izihlandlo eziliqela. Konke oku kwenziwa kukuba lo nozinti uwuthathela ingqalelo umsebenzi wakhe ngamaxesha onke futhi uyawuthanda.

“Kulihlazo ukungabikho nomnye unozinti okwizinga likaKhune kwilizwe lonke loMzantsi Afrika. Xa engekho nangoku kwiqela lesizwe kubanzima. Nditsho noba umdlalo wakhe wehlile kuye kunyanzeleke adlaliswe ngoba akekho okwizinga lakhe. Uphi omnye unozinti okulungeleyo ukuthatha indawo yakhe?” utshilo uDu Plessis.

“NguSenzo Meyiwa kuphela owaphantse wayithatha indawo kaKhune – kodwa wafikelwa kukufa. Umba wokuphuhlisa oonozinti siwubekele bucala ixesha elide kweli lizwe. Ewe, bakhona oonozinti abafana noRonwen Williams noMoeneeb Josephs – kodwa akekho kubo okwinqanaba likaKhune,” utshilo uDu Plessis.

UWilliams usangena ephuma kwiqela lesizwe logama yena uJosephs (odlalela iBidvest Wits) wagqiba kwelokuba ayeke ukudlalela iBafana Bafana kwiminyaka edlulileyo.

“Ngeentsuku zethu kwakunzima phakathi kwam, uMark Anderson noRoger de Sa. Kufuneka siqeqeshe oonozinti besebancinane,” utshilo uDu Plessis.

Emva kokonzakala kumdlalo obuphakathi kweChiefs neGolden Arrows – uKhune kulindeleke abuyele xa Amakhosi esamkela iBaroka FC ngo’18:00 eMoses Mabhida Stadium.

Imidlalo ye-Absa Premiership:

NgoLwesihlanu: Maritzburg United

vs Free State Stars @Harry Gwala Stadium, 20:00

NgoMgqibelo: Ajax Cape Town vs Cape Town City FC @Cape Town Stadium,

15:00; Golden Arrows vs Chippa United @Princess Magogo Stadium, 15:00; Kaizer

Chiefs vs Baroka FC @Moses Mabhida Stadium, 18:00; Polokwane City vs Orlando

Pirates @Peter Mokaba Stadium, 20:15pm; SuperSport United vs AmaZulu FC @Lucas Moripe Stadium, 20:15pm)

NgeCawe: Platinum Stars vs Mamelodi Sundowns @Royal Bafokeng Stadium, 15:00; Bloemfontein Celtic vs Bidvest Wits

@Dr Molemela Stadium, 15:00