‘Akukho qela esiza kuleya kwiNdebe yeHlabathi’

Umdlali womnyazi, uBongiwe Msomi, ngomnye wabadlali iSpar Proteas ethembele ngabo kwimidlalo yeNdebe yeHlabathi ebanjelwe eNgilane. umfanekiso: EPA/DARREN ENGLAND

Emva kokungaqhubi kakuhle kwaMajita, aBanyana Banyana naBafana Bafana emidlalweni kwiitumente zehlabathi kutshanje, ngoku kukho ithemba kwiqela lesizwe loMzantsi Afrika lomnyazi, iSpar Proteas, eliqhuba kakuhle kakhulu kwiNdebe yeHlabathi ebanjelwe kwisixeko saseLiverpool, eNgilane.

Nangona bekukho ixhala phambi kokuqala kweNdebe yeHlabathi ngenxa yemidlalo embalwa ebiyinxalenye yamalungiselelo – kodwa abadlali beSpar Proteas badlale ngendlela ephucukileyo kakhulu emidlalweni egqithileyo.

Emdlalweni wokuqala kwiveki ephelileyo, uMzantsi ubethe iTrinidad and Tobago ngo’76-45, kolandelayo, uMzantsi uyibethele oogqirha nezicaka iFiji ngo’90-35 phambi kokubetha ngo’55-52 iJamaica ebilushica kwisigaba sokuqala seNdebe yeHlabathi.

Ekuqaleni kwale veki, iSpar Proteas ingombe iScotland ngo’66-38 emdlalweni womjikelo wesibini weNdebe yeHlabathi yomnyazi.

Ngoku itumente ingena kuvuthondaba, esona sigaba kufuneka abadlali beProteas baqinise umqolo kuso.

Emva kokubetha iScotland, iqela lesizwe loMzantsi Afrika liye lathelekiswa nelizwe laseUganda emdlalweni obalulekileyo (odlalwe izolo phambi kokupapasha iphepha lethu). Kodwa owona mdlalo ojongwe ngamehlo abomvu ngulowo uphakathi koMzantsi Afrika neNgilane – elinye lamazwe ekubonakala ngathi anamandla kwiNdebe yeHlabathi ka2019.

Umdlali ophambili weProteas, uBongiwe Msomi, uthe ngeke iqela lizixakekise ngeNgilane phambi kokudlala neUganda.

“Kufuneka sijongane neUganda kowona mdlalo obalulekileyo. Iingqondo zethu zikuyo ngoba akukho qela esiza kuleya kule tumente. Sihlonipha onke amaqela. Yiyo lo nto sijongana nomdlalo ngamnye ngexesha,” utshilo uMsomi emva komdlalo ngoMvulo.

Ephawula ngomdlalo iProteas ebethe kuwo iScotland, uMsomi uthe: “Yonke into ihambe kakuhle ukusukela ekuqaleni kwetumente. Wonke umdlali uyenzile indima yakhe emdlalweni. Sinabadlali kwiqela lethu abazimiseleyo futhi abenza umsebenzi oncomekayo,” uvale ngaloo mazwi uMsomi.

Phakathi kwabadlali abathe banceda iqela likaNorma Plummer kukho uLenize Potgieter, uRenske Stoltz, uIzette Griesel, uBongiwe Msomi, uShadine van der Merwe, uZanele Vimbela noPhumza Maweni.