Akumkhathazi nakancinci ukuthotyiselwa uMbuyiselo Sambu

Ukusukela mhla iChippa United yafudukela kwiphondo laseMpuma Koloni isuka eNtshona Koloni, uMbuyiselo Sambu ngomnye wamadoda ambalwa angazange agxothwe ngumnikazi weqela uMnu. uSiviwe “Chippa” Mpengesi.

Nangona uSambu echithe ixesha elininzi esekela abaqeqeshi abafike baphinda bahamba kwiChippa – kodwa uye wasiwa kwiqela elidlala kwiMultiChoice Diski Challenge – apho angumqeqeshi oyintloko khona ngoku.

Kule sizini yodwa, uSambu unikwe uxanduva lokubambela kwiChippa endala emva kokususwa kukaDuran Francis owayebambele nasemva kokuhamba kukaNorman Mapeza.

Emva kokuba iChippa United ibambene neKaizer Chiefs emdlalweni weDiski Challenge obusezingeni eliphezulu eSisa Dukashe Stadium kutshanje, uSambu uxelele eli phephandaba okokuba ukunikwa kwakhe uxanduva lokuqeqesha amakhwenkwe aselula yinto engamkhathaziyo emoyeni nakancinci ngoba oko kuza kumkhulisa njengokuba esazama ukuqokelela ulwazi olwaneleyo kwezokuqeqesha.

“Hayi, ayindityhafisi into yokuziswa kwam kwiqela elidala kwiDiski Challenge ngoba yeyona nto endikhulisayo,” utshilo uSambu ngelizwi lakhe liphantsi.

“Kule ndawo ndikuyo, ndifumana ithuba lokusombulula amagingxigingxi esidibana nawo siliqela.

Ukuba yinxalenye yeChippa edlala kwiPSL kuyandinceda njengomntu osazama ukuziphuhlisa kwicala lezoqeqesho emgangathweni ophezulu.

Le nto yenzekayo, mna ndiyibona njengethuba lokuzibonakalisa kubafana aba basebancinane.

Ayindikhathazi nakancinci,” utshilo uSambu.

Njengomnye wabantu ekudala ekwiChippa, ukuyiqeqesha yinto angayichasanga uSambu xa enokunikwa ithuba – kodwa ngoku uzimisele ukulola isakhono sakhe sokuqeqesha ebholeni ekhatywayo ngokuthi ayokufunda ukuze abenolwazi oluza kumxhobisa ngokupheleleyo njengomqeqeshi.

“Ukuba ndiyakwazi ukufunxa ulwazi olupheleleyo ngebhola ekhatywayo ndifumane nezatifikethi zam zoqeqesho; ndicinga ukuba ithuba lokuyiqeqesha iChippa ndingalifumana.

Nam kodwa kufuneka ndisebenze ngokuzimisela. Kutshanje ndifumene isatifiketi soqeqesho (C Licence).

Ngoku ndisebenzela ukugqiba esilandelayo (B Licence).

Ezi zinto, zizinto endinethemba lokuba abaphathi baza kubona ukuba nam ndizimisele ukuba ngumqeqeshi kwinqanaba eliphezulu,” uvale ngaloo mazwi uSambu obuye encumile ePolokwane emva kokuba amakhwenkwe wakhe ebethe iBaroka FC emdlalweni weDiski Challenge.