Akumonwabisi ukuphoswa kwamathuba uLarsen

ULerato Manzini ngomnye wabadlali athi uClinton Larsen kufuneka bazimisele emidlalweni ezayo

Iqhube kakuhle iChippa United emdlalweni weNedbank Cup kodwa ngoku kufuneka ikuphose kwelokulibala oko phambi komdlalo obalulekileyo ozayo weAbsa Premier Soccer League.

Amakhwenkwe kaClinton Larsen aza kuzama ukuqokelela amanye amanqaku apheleleyo xa edibana neGolden Arrows eNelson Mandela Bay Stadium ngentsimbi yesibhozo ebusuku ngoLwesihlanu.

Nangona iChippa ikwazile ukubetha iTshakhuma Tsha ebilushica ngo’2-0 emdlalweni weNedbank Cup kodwa uLarsen usenomsebenzi onzima osemagxeni akhe ngoba abadlali bakhe abakakwazi ukuwasebenzisa kakuhle amathuba.

Kodwa okumncumisayo umqeqeshi kukuba alikabethwa iqela lakhe ukusukela oko wathatha iintambo kuJoel Masutha.

ULarsen ukhale ngokuphoswa kwamathuba ngabadlali bakhe kwiveki ephelileyo.

“Bendisazi ukuba ngeke kube lula ukudlala neTshakhuma kodwa ke siwenzile umsebenzi omhle. Into endiphoxileyo kukuba siyekelele emva kokufaka igowuli lokuqala. Sifumene amathuba amaninzi okufaka amagowuli aliqela. Ukufaka amagowuli xa amathuba ekhona, yeyona nto esiyifunayo ebadlalini ngakumbi xa isithi abalawula umdlalo. Andifuni ukubagxeka kodwa abadlali ngoba umsebenzi wethu wokuguqula isimo seqela usaqhubela phambili. Mihlanu ngoku imidlalo esiyidlalileyo ngaphandle kokuphulukana nomdlalo. Kuhle ngoba ndiyabona nabadlali bayazithemba ngoku nangona usemninzi umsebenzi ophambi kwethu,” utshilo uLarsen emva komdlalo weNedbank.

Njengokuba kusondela ixesha lokuvala isizini nemidlalo isanda ngenxa yeNedbank Cup, umqeqeshi uthe uza kunika abanye abadlali ithuba lokudlala kwaye kufuneka basebenze ngokuzimisela njengaba basebenzileyo kwimidlalo emihlanu egqithileyo.

“Abadlali abangaqhelanga kudlala kufuneka bazimisele xa belinikiwe ithuba ngoba nakubo sifuna iziphumo ezihle. Kuza kubangcono kubo ngoba abanye abadlali bakwazile ukwenza umsebenzi oncomekayo. Ndiqinisekile baza kwenza njalo xa kusithiwa mabangene ebaleni,” utshilo uLarsen.

Imidlalo yePSL:

NgoMgqibelo: Polokwane City vs Kaizer Chiefs @Peter Mokaba Stadium, 15:30; Cape Town City vs Maritzburg United @Cape Town Stadium, 15:30; Bidvest Wits vs Mamelodi Sundowns @Bidvest Wits Stadium, 18;00; Orlando Pirates vs AmaZulu @Orlando Stadium, 20:15; SuperSport United vs Baroka FC @Lucas Moripe Stadium, 20:15

NgeCawe: Bloemfontein Celtic vs Free State Stars @Dr Molemela Stadium, 15:30; Black Leopards vs Highlands Park @Thohoyandou Stadium, 15:30