Akumphathi kakuhle uHugo Broos ukungaxhaswa kwaBafana Bafana

Abadlali boMzantsi Afrika obethe iDemocratic Republic of Congo emdlalweni wobuhlobo obuse’Orlando Stadium. Umfanekiso: ©Sydney Mahlangu/BackpagePix

Emva kwemidlalo yobuhlobo emibini, inye into engamphathi kakuhle uHugo Broos: kukungaxhaswa kweqela lesizwe lebhola ekhatywayo ngabalandeli bebhola eMzantsi Afrika. Oku kuvakaliswe nguye uBroos emva komdlalo obusekuqaleni kwale veki. UBroos uphalaze imbilini yakhe nakubeni iqela lakhe libethe iDemocratic Republic of Congo ngegowuli elinye eqandeni emdlalweni obuse’Orlando Stadium. Kanti ngempelaveki egqithileyo, uMzantsi Afrika udlale ntanganye ngeqanda neNamibia emdlalweni nawo obuseSoweto. Kuyo yomibini loo midlalo, ligcuntswana labantu elikwazileyo ukuya ebaleni. “Okokuqala, ndizive ngathi asidlaleli ekhaya namhlanje. Kundishiye ndiphoxekile ukubona kukho abalandeli beCongo ebaleni ngaphezulu kunabethu sidlalela ekhaya,” utshilo uBroos.

Bekukhe kwabakho ithemba emva kokuba aBafana Bafana bebethe iMorocco kwiinyanga ezidlulileyo emdlalweni ekwakugcwele kakuhle kuwo eFNB Stadium. “Ndiyathemba ukuba siza kufumana inkxaso ebhetele kwilixa elizayo. Xa abalandeli belixhasa iqela labo, iqela liqhuba kakuhle. Abadlali beCongo badlale umdlalo omhle ngoba bebexhaswa ngabalandeli babo. Sisenobunzima esisa thubeleza kubo. Sidinga inkxaso yabalandeli. Ndiphoxekile nyhani. Inga singanabalandeli abaninzi emidlalweni yokugqibela ezayo,” utshilo uBroos. Sekulithuba abantu bengayi emidlalweni yaBafana Bafana ngenxa yokungaqhubii kwabo kakuhle.

Emva kokuphumelela kwelinge labo lokuya kwiAfcon 2024, bekulindeleke kubekho ukuphucuka kwenani labantu abaya emabaleni – kodwa uBroos ukhe wadala ingxoxo emva kokuba engachonganga namnye umdlali weKaizer Chiefs kuba esithi ayikaqhubi kakuhle kwisizini eqhubekayo. Abalandeli beChiefs bayithatha njengesithuko lo nto emva kokuba uBroos echonge abadlali beqela lesizwe emva kokuba iChiefs iphumelele imidlalo emibini ilandelelana nokudlala ntanganye komnye. Umqeqeshi waBafana Bafana usole iintatheli ngokumthelekisa nomqeqeshi weChiefs (uMolefi Ntseki) athe uceba ukuba nomhlangano naye. Phambi kokuya kwitumente ye’Afrika eza kuba sekuqaleni konyaka ozayo, aBafana Bafana baza kudlala imidlalo emibini yobuhlobo.