Akwelinye inqanaba amalungiselelo oMthatha Bucks

UMthatha Bucks ubhengeze abadlali abatsha izolo njengoko ukwiphulo lokwenza umsebenzi ongcono kunalowo wesizini ka’2015/16 kwiNational First Division ebiqala ukudlala kuyo. Aba badlali batsha: nguSydney Masanao osuka kwiFree State Stars, uKangwa Chilesha oyifolosi esuka eZambia, uMoeketsi Ralenkoane noMazwi Mncube abasuka kwiThanda Royal Zulu.

Izikhulu zeBucks zifuna ukuqinisekisa ukuba kufumaneka bonke abadlali abanokuthi bancedise eli qela kwisizini ezayo. “Asigqibelisanga ukutyikitya abadlali abatsha. Bakhona abadlali esijonge ukubafumana, sifuna iqela elomeleleyo kakhulu kwisizini ezayo,” utshilo uMthatha Bucks izolo kuFacebook.

Emva kokuba eli qela lisindiswe ezembeni nguVelile Dyaloyi, liye lafunga ngelithi okwenzeke kwisizini ephelileyo akunakuphinda kulehlele. Lisebenza ngokuzimisela okukhulu lilungiselela isizini entsha eqala kwinyanga ezayo.

Amathol’amnyama abuya kwinkampu yoqeqesho ethathe iveki yonke ePietermaritzburg, apho adlale imidlalo yobuhlobo namaqela afana neLeicester City, Real Kings United edlala kwaNFD neRe United edlala kwaSAB. Zonke ezi nzame zenziwa ukuze kudityaniswe abadlali ekudala bekhona eqeleni kunye nabo bafikayo.

Baliqela abachithiweyo yiBucks, kodwa abadlali abafana noSamkelo Ndletyana, Mashale Rantabane, Bafana Dlamini, Mlungisi Maranti, Ayanda Klaas, Thabiso Mokoena noPetrus Ngebo bagciniwe ukuze kwakhiwe iqela elinamandla phezu kwabo nguDyaloyi. Ekupheleni kwesizini ka’2015/16 uDyaloyi wathembisa ngokuthatha uMthatha Bucks awunyusele kwiPremier Soccer League kwisithuba seminyaka nje emibini ukuba unikwa elinye ithuba lokuqeqesha.

Abalandeli baMathol’amnyama balindele lukhulu kule isizini emva kwaleyo ngenxa yeengxaki agagene nazo kwiNFD. Kule impelaveki uMthatha Bucks uzukudlala neBloemfontein Celtic neRoyal Eagles imidlalo yobuhlobo njengenxalenye yamalungiselelo esizini entsha.