Alicacanga kakuhle ikamva likaMhango kwiPirates

USofyan Amrabat weMorocco noGabadinho Hellings Mhango weMalawi emdlalweni we-Africa Cup of Nations Afcon obubanjelwe e-Ahmadou Ahidjo Stadium, eCameroon, kwiiveki ezidlulileyo. Umfanekiso: Alain Guy Suffo/BackpagePix

Ikamva likaGabadinho Mhango lisemfiliba kwi-Orlando Pirates nangona enze umsebenzi oncomekayo kwiMalawi ebidlala kwi-Africa Cup of Nations esongwe kutshanje eCameroon. UMango ngomnye wabadlali abafake amagowuli amaninzi kwi-Afcon nangani efumene amathathu kuphela phambi kokugoduka kweMalawi. Kubonakala ngathi ukudlala kakuhle kwayo indedeba yaseMalawi akuyincedanga kwaphela ngoba khange iqukwe kwiPirates ebethe AmaZulu ngegowuli elinye eqandeni emdlalweni weNedbank Cup kwiveki ephelileyo. Abantu abaninzi bathe kungani na enganikwa ithuba uMhango emva komsebenzi awenze eCameroon. Omnye wabaqeqeshi bePirates, uMandla Ncikazi, unike impendulo ebothusileyo abantu abaninzi.

“Liqela elikhulu iPirates kwaye lineefolosi ezidlala kakuhle,” utshilo uNcikazi ephendula iintatheli. UNcikazi ukhankanye amagama wabadlali abafana noZakhele Lepasa noTshegofatso Mabasa – kodwa bachithe ixesha elide bengadlali ngenxa yokonzakala abakufumana kwisizini egqithileyo. “Sinabadlali abafana noZakhele noMabasa abebengekho eqeleni ixesha elide. Sinaye noKwame Peprah. Zininzi iifolosi esinazo. Sikhethe abadlali esibalungiselele umdlalo kwezi veki zigqithileyo – yena uMhango ubuye kutshanje. Siyamazi ukuba ungumdlali osemgangathweni ophezulu – kodwa ke kufuneka akhuphisane nabanye abadlali,” utshilo uNcikazi.

“Sikhethe ukudlalisa uPeprah noLepasa. Yena uMhango kwakufuneka asebenze ngokuzimisela ukuze afumane elakhe ithuba. Uza kulinda njengabanye abadlali. Siyayivuma indlela adlale ngayo kwi-Afcon. Kodwa mhlawuli iDStv Premiership inkulu kune-Afcon. IPirates inabo abanye abadlali abakwaziyo ukuhlasela. Umdlali ofana neThembinkosi Lorch wayonzakele ukufika kwam – kodwa uya ebangcono emdlalweni wakhe ngoku kwaye ngomnye wabadlali abakwaziyo ukutshintsha umdlalo. Abadlali bayakuthanda ukudlala naye,” utshilo uNcikazi. UMhango uthe ufuna ukuya eYurophu kwezi veki zidlulileyo kodwa wazenzela ityheneba ngokuthanda ulonwabo olwamfaka engxakini kunyaka ophelileyo.